Singena phi kumxholo wabanqolobi?

NgoLwesihlanu wale veki iphelileyo besimincile silindele iziphumo zikaStandard & Poor wasemaNgesini, iziphumo zabo bezizakuchaza ukuba ingaba uMzantsi Afrika ukwisimo esihle sokushishina namanye amazwe omhlaba na.

Bekukho nencoko yokuba umgangatho wezoqoqosho uzakuthotyelwa kwinqanaba lenkunkuma. Ngethamsanqa akwenzeka oko.

Kodwa sinikwe isilumkiso sokuba imo yethu yezoqoqosho isenokuthotywa ukuba phaya kweyoMnga asenzi zinguqu zifanelekileyo kwezoqoqosho lwethu. Eyokuba ithetha ukuthini na lo nto yenye. Ingaba ithetha ukuba singagxothi abaphathiswa bezezimali? Okanye?

Ingambi into yokuba sizibone sikwisimo esifana nesaseZimbabwe apho imali yethu ingenaxabiso. Iingcali kwezoqoqosho kufuneka ziqale ukubhala ngale miba ukuze nabantu ngokubanzi bacacelwe ukuba zithetha ukuthini.

Okwangoku kukhangeleka ngathi amazwe angaphandle alawula ipolitiki yeli lizwe ngokuthi aligrogrise ngokulithoba umgangatho. Umzekelo ukuba sizama iinkqubo zembuyekezo yomhlaba nokuguqula ezoqoqosho ngokobuhlanga singazibona sisebungciphekweni.

Ukuba kungakho imfazwe okanye iziganeko ezixhalabisa oongxowa abatyala imali kweli laseMzantsi Afrika, singazibona sisengxakini.

Yiyo ke lo nto iingxelo ezithi kukho izigrogriso zobunqolobi eMzantsi Afrika zisothusa mpela.

Njani ukuba emva kwesibhengezo sikaStandard & Poor sokuba kukho uzinzo kwezoqoqosho kweli kusuke kuthi gqi iingxelo ezithi iBhritane ikhuphe isilumkiso kubemi bayo abaseMzantsi Afrika sokuba balumkele abanqolobi

Izwe laseBhritane linenkxalabo ngabemi balo abalapha. Nezwe laseMelika likhuphe isilumkiso esinje besithi iKapa neRhawuti zezona zinokuhlaselwa.

Kufuneka ziphandwe ezi zinto. Bafuna ntoni abanqolobi kuthi? Kutheni ingathi sithotyelwa ngenkani ngoku yiBhritane neMelika?