Ubomi emveni kokuphoxeka

Ubomi yinto elungileyo kodwa eyothusayo kwangaxeshanye, singabantu sizalwa singazani nalento kuthiwa yingxaki, nalento kuthiwa kukuphoxeka kwaye zonke izinto esizifundiswayo zisixelela ngokuhle nokulungileyo le nto yenza singakulindeli ukuphoxeka ebomini bethu.

Njengoko kuqala le nyanga uJuni bonke abantu banezicwangciso ezihle kwaye akekho umntu ocwangcisele nolindele into embi , omnye ulungiselela ukungena emtshatweni engenanjongo zakuphuma

Nanjengomntu osebenza ngabantu nomamela iingxaki zabantu ndiyayazi kakuhle ukuba abantu baphoxekile ebomini kwaye abanye sebenikezele ngeempilo zabo baphelelwa lithemba abayiboni into engaphinde ilunge empilweni yabo, mhlawumbi omnye uphoxwe ngumntu obemthembile, omnye ulinyazwe waphoxwa ngumntu azalwa naye, omnye uphoxwe ngumntu ebethi uzongena naye emtshatweni, andithethi ke ngamawaka abantu abalimele emitshatweni, abanye basanyamezele abonwabanga, abanye bakhetha ukuphuma kodwa kunjalo iintliziyo zisopha ligazi kunanamhlanje, isilonda saphola kodwa iimpawu zokulimala zisabonakala noko .

Inyaniso yeyokuba sonke singabantu siyaphoxeka ebomini, kwaye ukuphoxeka akuyongxaki najengoko sonke sidlula apho kodwa into ebalulekileyo kukuba wenzani emveni kokuphoxeka ebomini, ndithetha xa umtshato ungeyiyo le nto ubuyiphupha, ubomi bukugqwethile, ilizwe likujikele, umsebenzi awusawufumani, abantwana bakho abayiyo le nto ubuyithandazela, ndithetha selukhaliswa ngulo msebenzi kudala uwuthandazela, selujikelwe ngabahlobo ukhaliswa ngabantu ebekufanele bayakuthuthuzela.

La mazwi enkuthazo aze kuwe wena ubona sekungathi kuphelile ngobomi bakho, mhlawumbi sel’unengcingane yokuzibulala, selucinga kuphelile ngeshishini lakho, kuphelile ngabantwana bakho, kuphelile ngomzi wakho kodwa namhlanje xa kuqala le nyanga ndizothi kuwe akukapheli ngawe uThixo engekatsho, kumele uyazi uphoxeke namhlanje, ulinyazwe namhlanje, awuphumelelanga namahlanje, uphulukene nomtshato wakho namhlanje, nabantwana bakuphoxe namhlanje kodwa ingomso alikakuphoxi .

Kukhona izinto abantu ekumele baziqaphele, okokuqala ayikho indlela eya empumelelweni kanti ayizodlula ekuphoxekeni nasentlungwini, okwesibini awukaphoxwa xa usaphoxwe ziintshaba zakho kuba uphoxwe ngumntu ubulindele akuphoxe, ukuphoxeka kwenyani kuxa uphoxwa ngumntu osondeleyo kuye okanye obucinga uyawuthi xa uphoxiwe ukhalele kuye, nanjengoko zisitsho nezibhalo ezingcwele kwincwadi ka- Zekhariya zisithi “ngawantoni na la manxeba asemzimbeni wakho, aphendule omnye athi, ndiwafumene kwizindlu zabahlobo bam” inyaniso kukuba alikho inxeba elinzulu ukwedlula inxeba lomntu osondeleyo kuwe, xa kunamhlanje abantu bawuqala lo nyaka besopha phofu bengophiswa ziintshaba kodwa besophiswa ngabantu ababesondele kubo, kwaye abanye sebade bathatha isigqibo sokuzibulala kuba bengazi ukuba bukhona ubomi emva kokuphoxeka .

Xa ubona abantu bephumelele, benamashishini ayimpumelelo, iimoto zodidi oluphezulu, imizi kanokutsho, kumele uqonde kakuhle ukuba badlule ezintweni ezibuhlungu, baphoxakele amatyeli ngamatyeli, balahlwa ngabantu, babizwa ngamagama, bawa kodwa baphinda bavuka, ngoba ayikokuwa ingxaki, kodwa kukuthi xa uwile uhlale phantsi ungaphindi uvuke, yilo nto sihlala sisitsho sisithi, xa uwile sukuwa ngobuso, lala ngomqolo ujonge phezulu, kuba uba usakwazi ukujonga phezulu ungakwazi ukuphinda uvuke, kuba bukhona ubomi emva kokuphoxeka

Kukhona izinto ekumele sizifunde ekuphoxakaleni kwethu, okokuqala xa uphoxwa ngabantu uyakhunjuzwa ukuba ukhona umntu ongasoze akuphoxe uThixo wethu, ngoba ngelinye ixesha amehlo ethu sawasusa kudala kuye sawabeka abantwini nasezintweni eziphelelwayo.

Okwesibini xa uphoxakele susa amehlo akho enxebeni olenziwe ngumntu ube sele ujonge isifundo esiphethwe linxeba ngalinye olifumeneyo, ngoba inxeba ngalinye liphethe isifundo salo, kukhona le nto kufuneka uyifundile, yaye xa ungafundanga nto maninzi amathuba okuphinde ubethwe kwayimeko enye ude ube uyafunda kuyo.

Okubalulekiyo unganikezeli, ungabuyimva kaloku kukufutshane apho uyakhona kunalapho usuka khona, imeko okuyo ngalo mzuzu ayisiso isiphelo sobomi bakho, ixesha lokuhleka liyeza, ixesha lokubhiyoza liyeza, inyaniso ithi wena awudalelwanga kuhlupheka ubomi bakho bonke kodwa zizinto ekumele udlule kuzo ezi, kwaye azisayi kukubulala, thatha amehlo akho uwabuyisele kwizinto ubusele uzincamile, umtshato wakho, izifundo zakho, ishishini lakho, abantwana bakho ngoba BUKHONA UBOMI EMVA KOKUPHOXEKA.