Azakukhunjulwa amaqhawe aseNgquza

KUZAkuqhutywa isikhumbuzo samadoda alishumi elinanye aseNgquza eLusikisiki abhubha ngokudutyulwa yimikhosi yorhulumente wobandlululo emva kokujijisana engavumi kugoba uphondo amaMpondo.

Ngomhla wesithandathu ngenyanga yeSilimela ngonyaka ka1960 amadoda nabafazi baseNgquza baphuma ngamabhunguza neentonga bebonakalisa ukuchasa kwabo iinkqubo zorhulumente wocalucalulo.

Kumongo wengqumbo yamaMpondo yayikukuchasa ukusetyenziswa kwamapasi. Ukwenza oku bayokuhlangana kwintaba yaseNgquza. Amapolisa orhulumente wocalucalulo asondela kule ntaba, athulula iimbumbulu ebulala amaMpondo alishumi elinanye, konzakala amashumi amahlanu anesibhozo abanye babanjwa.

Usodolophu womasipala wesithili sase-O. R. Tambo Nomakhosazana Meth uthi umasipala wakhe uzakuncedisa kwesi sikhumbuzo. “Eyona nto iphambili apha ngumbulelo kwaba tata ngenxa yenxaxheba yabo nokuzinikela, ubugora obungathethekiyo bokulwela isizwe sabo,” uthethe watsho uMeth.

Ingxelo kasodolophu ithi amalungiselelo esi sikhumbuzo sele eqhubele phambili, kwaye kulo nyaka esi sikhumbuzo sizakuba kwelinye inqanaba. “Sisebenza apha nesebe lemidlalo nenkcubeko ephondweni nomasipala wase- Ngquza sizama ukuba esi sikhumbuzo sibe yimpumelelo,” utshilo uMeth.

La madoda adutyulwa ebambe intlanganiso yabahlali eyayizakuthatha isigqibo malunga nokuchasa kwawo ukusekwa korhulumente kazimelegeqe waseTranskie. “La madoda ayechase ukumiliselwa korhulumente wephandle laseTranskei, kunye nenkqubo yamapasi eyayixakile ngalo minyaka,” ucacise watsho uMeth.

Oku kwakulandela emva koqhankqalazo lamakhosikazi olalusinge komkhulu ePitoli ngonyaka ka- 1956, nalapho babechasa inkqubo yokusetyenziswa kwamapasi. Ingxelo ithi ngethuba enyuka kule ntaba la madoda injongo yawo yayinye ikukupheka amacebo okulwa iinkqubo zorhulumente wobandlululo. Ngamadoda angamashumi amahlanu anesibhozo athi enzakala kule ntlekele, oku kwabangela ukuba iintsapho ezininzi zisale zingenamadoda.

Emva kokuqatshelwa ngurhulumente welo xesha ukuba la madoda azilungiselele ukulwa lo rhulumente waxhobisa amabutho akhe elungiselela ukubulala abo bantu babephethe iintonga namagqudu kuphela.Iinqwelo ntaka zomkhosi ezazindanda phezu kwabo phambi kokuba bahlaselwe azizange ziboyikise koko babefun’ukuya edabini.

Amashumi amahlanu anesibhozo kuloo madoda alimala, lo gama amanye abanjwa aza ayakuxhonywa ePitoli ngesityholo sokuzama ukubhukuqa umbuso. Igazi lala madoda lagabula izigcawu nanjengoko ngonyaka olandela lowo kwathi kwasekwa ibutho lomkhosi weANC uMkhonto Wesizwe (16 Disemba 1961).

Urhulumente wentando yesininzi wathiya umasipala wale ndawo ngegama lale ntaba ngelizama ukunika imbeko kuloo maqhawe aseNgquza. “Kunyaka ophelileyo sifake imali ephaya kumakhulu amabini amawaka eerandi, kulo nyaka sijonge ukufaka imali engaphezulu koko kuba sijonge ukusikhulisa esi sikhumbuzo,” utsho uMeth.