Kukho ukubhideka ngemeko kaSiboniso Gaxa

Amakhosi othuse abantu ekuqaleni kweveki ngethuba esazisa ukuba amashumi amabini onke abadlali bayakhululwa ukuze bazikhangelele amaqela amatsha.

Phakathi kwamagama abadlali abakhululwe yiKaizer Chiefs ngumdlali wasephikweni uSiboniso “Pa” Gaxa. Kukho ukubhideka okukhoyo okanye into engacacanga ngoGaxa kuba isivumelwano sakhe savuselelwa yiChiefs.

Kunyaka ophelileyo iChiefs yenza isaziso kwikhasi lonxibelelwano, uTwitter, esithi uGaxa noBernard Parker zivuselelwe izivumelwano zabo zengqesho, ngoku eli qela lithi isivumelwano salo mdlali siphela kule nyanga.

Umanejala wezonxibelelwano kwiChiefs, uVina Maphosa, uthethe wenjenje: “Lixesha elinzima kakhulu eli kuthi sonke ngoba abadlali abahambayo bebefana nokuba ngamalungu eentsapho zethu. Andikwazi ukunaba ngomcimbi kaGaxa ngoba iphakathi kwakhe nommqeqeshi le nto.

Into endingayithetha ngoku kukuba kwinyanga ezayo sakubamba inkomfa noonondaba apho izinto zakuthi zicaciswe khona,” utshilo uVina kwiPower FM apha ezintsukwini.

Isolezwe liqhakamshelene noGlyn Binkin, umanejala kaGaxa noMorgan Gourld apha evekini. “Akukho nto endingakunceda ngayo ngalo mbandela ngoba nabadlali abanalwazi lupheleleyo. Ndithe kubo mabalinde iChiefs ngoba yiyo evele nale nto,” utshilo uBinkin.Omnye wabadlali bakhe uMorgan Gourld usendleleni. Lo mdlali uchithe ixesha elininzi ngaphandle kokudlala ngenxa yokwenzakala. Umanejala wakhe uthe yonke into mayibuzwe kumphathi weChiefs, uBobby Motaung.

Ngokwenene uthethile nabantu kwiMetro FM ngoLwesithathu apho athe yonke into iyakucaciswa xa kubizwe inkomfa yoonondaba. “Abantu mabathobe amaxhala ngoba bonke abantu abachaphazelekayo sithethile nabo.

Umqeqeshi uyasebenza futhi akayanga ekhefini.”