Nguta: Ndibamba ngazo zozibini

Bekufanele ukuba kuyabhiyozwa, kodwa iMpuma Koloni ayisiyondawo ebakhatheleleyo ncam abantu bayo.

Yindawo apho abantu bajonge inzuzo ubukhulu becala. Yiyo lo nto bengamazi ukuba uChris Nguta liqhawe elithe laphakamisa igama leQonce neMpuma Koloni iphela. Lo mfo wakwaGunta ubuye nodumo emva kokuthatha inxaxheba kwiitumente yoosozoso yehlabathi ebibanjelwe eSandton, eGoli, ebizwa ngokuba yi-Anorlds Classic Africa kwimpelaveki edlulileyo.

UNguta ubambe indawo yesihlanu kwizigantsontso ezilishumi elinesithandathu ebekhuphisana nazo. Kwiinyanga ezimbini ezidlulileyo eli tyendyana lalicela uncedo ebantwini kuba lalifuna ukuya kule tumente ebizinyaswe phakathi kwezihandiba ngu-Arnold Schwarzenegger.

Abantu abaneentliziyo eziphilileyo nabayaziyo ihambonzima bamncedile uNguta owayefuna ukuziva amandla kompondo-zihlanjiwe behlabathi. “Ndivuya kakhulu njengokuba ndikwazile ukuya kula tumente. Kuninzi kakhulu endikufundileyo futhi ndazakhela ubuhlobo nabanye abadlali.

Ndibulela kakhulu eli phephandaba[I’solezwe lesiXhosa] ngokundinceda. Ndancedwa ngumphathi weShane-Gym ngemali yokubhalisa, amalungu eHealth Avenue Gym, abantu basekuhlaleni noMnumzana Khaya Majeke ondicede ngemali yokuhlala neyokutya. Ndibulela kakhulu ebantwini abandincedileyo. Ukuba awuthethi okanye unempakamo soze uncedeke. Inene umntu ngumntu ngabanye abantu,” utshilo uNguta.

UNguta ufuna ukukhula kulo mdlalo wakhe futhi ancede nabanye abantu. “Ndifuna ukubakuthaza abantu abatsha bazibandakanye nale nto ndiyenzayo.

Umnqweno wam kukungena ezikolweni ndibafundise ukuze silwe nomkhuba wokusetyenziswa kweziyobisi ngabantu abatsha,” uvale ngalo mazwi uNguta