Umhlalutyi uyasixhasa isigqibo seChiefs

phantse bonke abantu abalandela ibhola ekhatywayo bebevumelana ngeenguqu ezifunekayo kwiKaizer Chiefs emva kwesizini ephelileyo eshiye uninzi lunxubile.

Kodwa okothusayo kukuba ithe iChiefs yakube ithathe isigqibo sokukhulula amashumi amabini onke abadlali, zabetha-bethana izimvo ngabona badlali ebekufanel’uba bakhululwe. Amakhosi avale isizini kwindawo yesihlanu emva kokubethwa yiChippa United kumdlalo wokugqibela kwisizini ka’2015/16.

Abaphathi beChiefs nomqeqeshi baxakekile kungokunje, bakhangela abadlali abatsha ukuze babuyisele isidima seChiefs emva kokuvala isizini ingafumenanga nenye indebe. Abanye babadlali abaphambili abakhululweyo yiChiefs baquka uMorgan Gourld, uSiyanda Xaba noSiboniso Gaxa.

Umhlalutyi weli phephandaba, uSinesipho Mali, ulincomile inyathelo elithathwe yiChiefs. “Sisigqibo esikhulu kakhulu esi sithathwe yiChiefs. Ndiyasincoma ngoba ngoku uSteve Komphela uzakuthi afumane ithuba lokwakha elakhe iqela, futhi kuphele nento yokoyanyaniswa noStuart Baxter.

Kubalulekile umqeqeshi afumane abadlali abazakudlala ngale ndlela afuna ngayo. Kunzima ukubagxeka ngokukhulula abadlali abathile ngoba baqwalasele izinto ezithile phambi kokuba bathathe isigqibo.

Khumbula thina kukho izinto esingaziboniyo, kanti bona bahlala nabo yonke imihla – indlela abazimisele ngayo bayazi ngcono,” utshilo uMali izolo. Amakhosi azise uSibusiso Khumalo njengomdlali wokuqala amtyikityileyo.

Usuka kwiSuperSport United ethathe uKeagan Ritchie. Kwinyanga ephelileyo iChiefs yakhulula uReneilwe Letsholonyane noReyaad Pieterse. UYeye sele ethathwe yiSuperSport – lo gama uPieterse umcimbi wakhe ungekacaci.

Nanga amagama wabadlali abayishiyayo iChiefs:

Morgan Gould, Siboniso Gaxa, Reneilwe Letsholonyane, Reyaad Pieterse, Philani Cele, Ovidy Karuru, Levy Mokgothu, Simphiwe Mtsweni, Shandukani Mulovhedzi, Chris Matombo, Zitha Macheke, Siyanda Xulu, Bongani Ndulula, Edward Manqele, Siphelele Mthembu, Sula Matovu no-Ivan Bukenya.