Kukhangelwa indoda edlwengule eGcuwa

Amapolisa aseGcuwa aphanda ityala lokudlwengula, emva kokudlwengulwa kwentwazana eneminyaka engamashumi amabini anesihlanu eMcucuzo eGcuwa ngempelaveki.

Iingxelo zithi, ixhoba belikwindlela eya eklinikhi, ladibana nomrhanelwa. Umrhanelwa kuthiwa uqale ngokufuna ifowuni yexhoba.

Emva koko umrhanelwa ugrogrise ixhoba ngemela walidlwengula. Emva kokudlwengula, umrhanelwa uye wabaleka.

Amapolisa aseGcuwa acela uncedo nakubani na onolwazi ngomrhanelwa ukuba atsalele umnxeba ku: 047 401 1100.