Uluvo lwakho ngootata?

Ithemba lentlalo engcono lisekhona sisaphila nje, esikudingayo qha kukuba sonke simanyene… sibenegalelo ekuphuculeni ubomi bethu. Ukubanegalelo ke akudingi bantu ‘banezinto’ kudinga umntu ocingayo, umntu osebenzisa ingqondo le wayinikwayo engayibhatalelanga nangepeni. Ayikho into endichulumancisa njengokubaphantsi kophahla olunye nabantu abacingayo. Umntu ocingayo akenzi izinto kuba zisenziwa, wenza izinto ngalendlela azibone ngayo kwixesha lakhe lokucinga. Lo nto itsho yenze kubekho izinto ezintsha nezinika umdla.

Uba ke umntu ucinga izinto ezingakhiyo, kuzokwenzeka njengokucinga kwakhe. Yonke into esiyenzayo iqala kwindlela esicinga ngayo. Ze kuthi ke kwabo bangacingiyo, bacingelwe ngabanye. Yilonto ufika kukho abantu abaninzi abangonwabanga nje, kuba benza izinto ezingabo. Bacingelwe. Ukanti xa nicinga nonke, noba into ibize nabani, uba nje iyinto esondeleyo entliziyweniyakho kubalula kakhulu ukusebenzisana nalomntu uze nayo.

Iminyaka emininzi bekungekho nto intle yokuthetha ngabantu besilisa. Nangoku kule nyanga siyiqalalyo ngomso, kukho usuku lotata ungasoze uve nhikisi ngalo. Into eye yenzeke kubazizijwili nencwina ngoba kaloku abantu abaninzi abananto intle yokuthetha ngomntu ongutata. Isimanga ke sesoba sihleli nabantu abangotata ezindlini. Umhla nezolo abantu bazimanya ngeqhina lomtshato nomntu ongu tata ukhona apho. Umhla nezolo kukho umntwana ozalwayo, lonto ithethe ukuthi utata ‘ukhona’ kodwa ngendlela ekuthetheka ngayo umntu ongu tata ‘akakho’. Izinto zona ziyenzeka ezibonisa ukuba; umntu ongu tata ukhona.

Izinto ke ziyajika kulonyaka. Kwanele ngokusengelana phantsi ngokwezini. Ekuphuhliseni kwethu amanina nabantwana abangamantombazana siye sabashiya ngasemva abesilisa sibe phofu sinyanzelekile uba siphile nabo. Ithi lento ndiza nayo, uba indlela obona ngayo izinto ayitshintshi, uyakuhlala ubona izinto ngohlobo olunye. Uba sithehta ngalendlela sithetha ngayo ngabantu abango tata, kuzokwenzeka lento isezingqondweni nasemilonyeni yethu. Nam ndingomnye wabantu ababengathethi kamandi ngabesilisa kwaye lonto zange indincede. Usuka apho bendibona ububi okweziwa ngabesilisa qho kusisa.

Utshintsho luqala engqondweni. Uba ingqondo yakho ayikahlaziyeki, usezobangulomntu ubunguye kwiminyaka elishumi edlulileyo. Kuba ke ngoku ingqondo yam itshintshile ngabesilisa, ndirhangqwe ngabesilisa abenza kakuhle. Bakhona abenza kakuhle qha abadumanga, akukho mntu umisa ngalonto. Kulo unyaka ke ifikelele esiphelweni lonto, umntu ngumntu kuba engumntu hay’ ngenxa yesimo. Ubuntu bakhe umntu nesidima sakhe asipheli kuba engeyiyo lento abantu bafuna abeyiyo, kodwa sikhona singabantu ukuze sakhane, sixhasane, siphilisane njengabantu hayi izilwanyana.

Ndikhuthaza abantu ke abafunda eliphepha uba sihambe sonke kolu hambo lokuthsintsha indlela abesilisa esibajonga ngayo. Akakho umntu ozelwe efuna ukubangumbulali, mdlwenguli, mxhaphazi wabantu abangakwaz’uzilwlela. Ngokuqinisekileyo ikhona into eyenzekileyo ebomini balowo wenza njalo. Ingongo yabesilisa nabasetyhini kukuba baphilisane ngoxolo hayi ukruthwa-kruthwano. Ngempelaveki ndiye ndadibana notata okhulise abantwana abahlanu eyedwa. Abanye babo batshatile xa kungoku, ziziznto ke ezo esingazivayo xa kuthethwa ngabantu abango tata. Mhlawumbi yonke lento iya kwinto yoba, indlela ocinga ngayo yile uzobona ngayo nale uzophila ngayo. Uba sicinga uba otata abaninzi bangongantweni, sizobona o ngantweni ke. Kodwa xa sitshintsha ukucinga, sizobona lento isezingqondweni zethu. Umbuzo endikushiya nawo namhlanje uthi; ucinga ntoni ngabesilisa, luthini uluvo lwakho ngabesilisa? Uthetha njani ngabo?

Ngeenkcukacha: Katomnoku@gmail.com