UCoetzee uvuze uScara noBongo ngokudlala kakuhle

Bekuluvuyo kwinkampu yeeBhokhwe [Springboks] eStellenbosch emva kokugaleleka kuka-Allister Coetzee okokuqala njengomqeqeshi.

Kule nkampu bekukho abadlali abaphaya kumashumi amabini anesibhozo endaweni yamashumi amathathu ananye, nguDuane Vermeulen, Francois Louw noSteve Kitshoff abangafikanga, kodwa kuqinisekiwe ukuba bakufika phambi komdlalo we-Ireland ozakube useNewlands. Omnye wabadlali abangekhoyo kwiqela likaCoetzee ligqala uBryan Habana, kodwa uCoetzee uthe ukungabikho kwakhe kulandela isivumelwano esiphakathi kweSA Rugby neFrench Club Toulon.

UHabana wakhululelwa iiBlitzboks kwiitumente ebezidlalelwa eLas Vegas naseVancouver kwezi nyanga zidlulileyo ukuze azokwazi ukubakhona kwimidlalo yeFrench Top 14 kwinyanga yeSilimela. Lo mdlali uzakuthatha inxaxheba kwimidlalo yeRugby Championship ezakudlalwa kwiinyanga ezimbini ezizayo. Ngokokutsho kukaCoetzee uthi abadlali abaziintsika zeqela lakhe balapha ekhaya abadlale kwiSuper Rugby basaqhanile, kodwa akukho konzakala kuxhalabisayo. Kulindeleke kubekho ukhuphiswano olumandla phakathi kwabadlali phambi kwalo mdlalo we-Irland njengokuba kukho abadlali abafana noScara Ntubeni noBongi Mbonambi beStomers. Kukho noMarx oqukiweyo kwiqela loMzantsi Afrika eliza- kuqubisana neEngland Saxons kwinyanga yeSilimela.

UCoetzee uthi uMarx ngumdlali odlala kakuhle kakhulu, kwaye akayithandabuzi ukuba imini yakhe yokudlala kwiiBhokhwe ukuba izakufika. Uthethe lo nto uCoetzee nangoBongi athi khange afumane xesha lakudlala phantsi komqeqeshi angene endaweni yakhe. AmaBhokobhoko aqale ukuzilungiselela enkampini izolo, kodwa watsho esithi uyakuwenza umnyinyiva kubadlali abadlale ngempelaveki.

Previous articleUluvo lwakho ngootata?
Next articleMasihleke noManono
SHARE