Uluvo lwakho ngootata?

Ithemba lentlalo engcono lisekhona sisaphila nje, esikudingayo qha kukuba sonke simanyene… sibenegalelo ekuphuculeni ubomi bethu.

Ukubanegalelo ke akudingi bantu ‘banezinto’ kudinga umntu ocingayo, umntu osebenzisa ingqondo le wayinikwayo engayibhatalelanga nangepeni. Ayikho into endichulumancisa njengokubaphantsi kophahla olunye nabantu abacingayo.

Umntu ocingayo akenzi izinto kuba zisenziwa, wenza izinto ngale ndlela azibone ngayo kwixesha lakhe lokucinga. Lo nto itsho yenze kubekho izinto ezintsha nezinika umdla.

Uba ke umntu ucinga izinto ezingakhiyo, kuzokwenzeka njengokucinga kwakhe. Yonke into esiyenzayo iqala kwindlela esicinga ngayo.

Ze kuthi ke kwabo bangacingiyo, bacingelwe ngabanye. Yilo nto ufika kukho abantu abaninzi abangonwabanga nje, kuba benza izinto ezingabo. Bacingelwe. Ukanti xa nicinga nonke, noba into ibize nabani, uba nje iyinto esondeleyo entliziyweni yakho kubalula kakhulu ukusebenzisana nalo mntu uzenayo.

Iminyaka emininzi bekungekho nto intle yokuthetha ngabantu abangamadoda. Nangoku kule nyanga siyiqalalyo ngomso, kukho usuku lootata ongasoze uve nto tu ngalo. Into eye yenzeke kubazizijwili neencwina ngoba kaloku abantu abaninzi abananto intle yokuthetha ngomntu ongutata. Isimanga ke sesokuba sihleli nabantu abangootata ezindlini.

Umhla nezolo abantu bazimanya ngeqhina lomtshato nomntu ongutata. Umhla nezolo kukho umntwana ozalwayo, lo nto ithethe ukuthi utata ‘ukhona’ kodwa ngendlela ekuthetheka ngayo umntu ongu- tata ‘akakho’. Izinto zona ziyenzeka ezibonisa ukuba; umntu ongutata ukhona.

Izinto ke ziyajika kulo nyaka. Kwanele ngokusengelana phantsi ngokwezini. Ekuphuhliseni kwethu amanina nabantwana abangamantombazana siye sawashiya ngasemva amadoda sibe phofu sinyanzelekile uba siphile nawo. Ithi le nto ndiza nayo, uba indlela obona ngayo izinto ayitshintshi, uyakuhlala ubona izinto ngohlobo olunye.

Uba sithehta ngale ndlela sithetha ngayo ngabantu abangoo- tata, kuzokwenzeka le nto isezingqondweni nasemilonyeni yethu. Nam ndingomnye wabantu ababengathethi kamandi ngamadoda, kwaye lo nto zange indincede. Usuka apho bendibona ububi obeziwa ngabesilisa qho kusisa.

Utshintsho luqala engqondweni. Uba ingqondo yakho ayikahlaziyeki, usezobangulo mntu ubunguye kwiminyaka elishumi edlulileyo. Kuba ke ngoku ingqondo yam itshintshile ngabesilisa, ndirhangqwe ngabesilisa abenza kakuhle.

Bakhona abenza kakuhle qha abadumanga, akukho mntu umisa ngalo nto. Kulo unyaka ke ifikelele esiphelweni lo nto, umntu ngumntu kuba engumntu, hay’ ngenxa yesimo. Ubuntu bakhe umntu nesidima sakhe asipheli kuba engeyiyo le nto abantu bafuna abeyiyo, kodwa sikhona singabantu ukuze sakhane, sixhasane, siphilisane njengabantu, hayi izilwanyana.

Ndikhuthaza abantu ke abafunda eli phepha uba sihambe sonke kolu hambo lokutshintsha indlela abesilisa esibajonga ngayo. Akakho umntu ozelwe efuna ukubangumbulali, mdlwenguli, mxhaphazi wabantu abangakwaz’uzilwela. Ngokuqinisekileyo ikhona into eyenzekileyo ebomini balowo wenza njalo. Injongo yabesilisa nabasetyhini kukuba baphilisane ngoxolo hayi ukruthwa-kruthwano.

Ngempelaveki ndiye ndadibana notata okhulise abantwana abahlanu eyedwa. Abanye babo batshatile xa kungoku, zizinto ke ezo esingazivayo xa kuthethwa ngabantu abangootata. Mhlawumbi yonke le nto iya kwinto yoba, indlela ocinga ngayo yile uzibona ngayo nale uzophila ngayo.

Uba sicinga uba ootata abaninzi bangongantweni, sizobona oongantweni ke. Kodwa xa sitshintsha ukucinga, sizobona le nto isezingqondweni zethu. Umbuzo endikushiya nawo namhlanje uthi; ucinga ntoni ngabesilisa, luthini uluvo lwakho ngabesilisa? Uthetha njani ngabo?

Ngeenkcukacha:

Katomnoku@gmail.com