USolinas uyishiyile iFree State Stars

IFree State Stars izolo ibhengeze ukushiya komqeqeshi wayo oyinzalelwane yase-Italy, uGiovanni Solinas.

USolinas ufike kunyaka ophelileyo ngeyoMnga kwiStars, engena endaweni kaErnst Midderndorp, kwaye ugqibe isizini iStars ihleli kwindawo yeshumi elinesibini kwiPremeir Soccer League.

Ukwazile ukuqhubela iStars kwimidlalo ephambili kwamagqibela kankqoyi yeNedbank, nalapho eli qela libethwe khona yiPirates ngo’4-2.

Ingxelo ekhutshwe yi-Ea Lla Koto kwikhasi layo lomnatha ithe:

“Kungomothuko omkhulu nokukhathazeka ukuvakalisa ukubeka phantsi ngokungxamisekileyo kwalo mqeqeshi kweli qela.

“Umqeqeshi ukhankanye iingxaki zakhe njengoyena nobangela wokushiya kwakhe ngokungxamisekileyo, kwaye sizame ngako konke okusemandleni ukungenelela sincedise kodwa khange siphumelele.

“Sothuke kakhulu kwiiveki ezimbini ezidlulileyo xa umqeqeshi lo ebecela intlangano nabalawuli beqela, nalapho abhengeze isigqibo sakhe sokushiya iqela ekupheleni kwesizini ka-2015/2016.”