Zemk’ iintlanzi

NGAMASHUMI alithoba enesithandathu abemi baseChina ababanjwe beloba ngokungekho semthethweni kulwandle laseMpuma Koloni.

La maChina ebehamba ngemikhumbi emithathu eyahlukeneyo ngethuba ebonwa eloba ngokungekho semthethweni ngumkhumbi ogada ulwandle wesebe lezolimo, ukuloba, namahlathi.

Isithethi seli sebe uBomikazi Molapo uthe, emibini kule mikhumbi ibiloba kulwandle lweli kufutshane neBhayi ngethuba ibhaqwa ngumkhumbi wesebe lezolimo, ukuloba namahlathi.

“Siqaphele ukuba le mikhumbi ithwele izixhobo zokuloba, uphando olwenziweyo lufumanise ukuba ayinamvume yokuloba kulwandle leli,” utshilo uMolapo.

Uqhube wathi le mikhumbi iyalelwe ukuba iye kunxweme laseMonti kodwa ayakuthobela. Ibe ngumbhodamo, de amagosa esebe lezolimo, ukuloba namahlathi akhwela, aqhuba ugqogqo, afumana iintlanzi kwakunye nezixhobo zokuloba.

Emva koko le mikhumbi iye yasithobela isinyanzeliso sokuya kunxweme lwaseMonti.