IBaroka iya kwiPSL kwisizini ezayo

Umqeqeshi weBaroka FC uKgoloko Thobejane yindoda eyonwabileyo emva kokuba iqela lakhe, iBaroka FC linyuselwe laya kutsho kwiPremier Soccer League emva kwemini izolo.

IBaroka idlale ntanganye neMilano United ibibonakalisa ukomelela, ukuze ifumane inqaku elinye eliyohlule kwiHighlands Park ehleli kwindawo yesibini.

IBaroka ifumene ipenalthi emva kokudlalwa kakubi komdlali wayo ebhokisini, kodwa unozinti weMilano wenze umsebenzi oncomekayo ukuyinqada le bhola.

Kwisiqingatha sesibini iBaroka ibonakalisile ukuba lo mdlalo uthetha lukhulu kuyo ibinkqonkqoza ngamandla kodwa bengavumi abadlali bangemva beMilano.

Ifolosi yeBaroka uThabiso Kutumela ufake igowuli lokulinganisa leBaroka.

IHighlands Park izakuba nento yokuzixolisa xa isiya kwiplayoffs, kuba ikwazile ukubetha AmaZulu ngamagowuli amane kwelinye.