UMalesela ufuna ikhule iChippa United

AmaKrestu anengoma ayivumayo xa efuna unyusa umbulelo oya phezulu kuThixo wawo. Le ngoma inamazwi athi: “Kudala ndifuna lo Yesu. Ndamthola, ndaaamthola… ndamthola lo Yesu”.

Ngaphandle kokungabaza naye usihlalo weChippa United, uSiviwe Mpengesi, njengomKrestu ucula lo ngoma. Ifanelekile lo nto emva kokuba efumene umqeqeshi olifaneleyo iqela lakhe, osebenza ngozimisela nozimisele ukulikhulisa.

Lo ndoda nguDan “Dance” Malesela, ayikho enye. IiChili-boys zivale isizini ka’2015/16 zisendaweni yesithandathu okokuqala embalini yazo kwiPSL.

Oku kwenzeke emva kokuba licambalalise iKaizer Chiefs ngo’2-0 eFNB Stadium ngoMgqibelo odlulileyo. Kanti phambi kwalo mdlalo iChippa ibethele i-Orlando Pirates ngo’2-0 eNelson Mandela Bay Stadium kwiveki engaphaya kwale iphelileyo.

Amakhwenkwe kaDan afike agqugqisa eFNB Stadium ngokungathi adlalela kokwawo. Amagowuli afakwe nguBuyani Sali noLerato Manzini. Lo nto khange imothuse uMalesela ngoba uyindoda ezithembayo nebathembayo abadlali bayo.

Unebhongo ke kambe yile mpumelelo kwaye imenze wanxanelwa izinto ezibonakalayo. “Siyiphethe kakuhle le sizini. Ndibulela wonke umntu obenegalelo. Sakha iqela elinekamva eliqaqambileyo, ndiyathemba kwisizini entsha, iyakwenzeka lo nto,” utsho uMalesela. Eli qela laseBhayi lihleli okokuqala kwiPSL kunyaka ophelileyo emva kokuba lavala isizini lihleli kwindawo yeshumi elinesine.

Lo nto ilinike amandla ngoba kule isizini lisheli kwindawo yesithandathu kwaye lijonge ukudlala iMTN 8 okokuqala kwisizini ka’2016/17. “Esi sisiqalo.

Kufuneka senze imbali siyiChippa, sohlukane nokulwela ukuhlala kwiPSL. Esi sisiqalo esitsha seli qela,” utsho uMalesela. Abadlali beChippa abafana noThamsanqa Sangweni noJoseph Molangoane bebengekho, kodwa ukugabikho kwabo khange kwenze mehluko.