AmaTuks ne-Arrows zikumlo okhethekileyo

Ayikho into enokusindisa AmaTuks ngaphandle kwamanqaku amathathu. Ngomso i-University of Pretoria ephantsi kwesandla sikaShaun Bartlett kulindeleke izame ukoxutha amanqaku amathathu kwiGloden Arrows, kumdlalo wePSL eTuks Stadium ngentsimbi yesithathu malanga.

Iqela likaBartlett lizibhaqa lisecicini lokuthotyiselwa kumgangatho ongezantsi emva kokuphumelela kweMaritzburg United kwiveki ephelileyo. Ngoku lo mdlalo lithuba lokugqibela lokusindisa eli qela lisokoleyo, phantse yonke le sizini.

Ezenkosi [Jomo Cosmos] zidlalela ekhaya neMaritzburg, kwaye omabini la maqela adinga amanqaku amathathu ukuze asinde ezembeni. Udonga laMaTuks olungaqinanga lulo olusolekayo kumdlalo odlulileyo nePolokwane City. UBartlett uyakuqonda ukubaluleka kwalo mdlalo. “Le sizini ibinzima kakhulu kuthi, kodwa sinethuba lokuhlala kwiPSL. Kunyanzelekile siye kulo mdlalo futhi siphumelele,” utshilo uBartlett kumajelo eendaba kule veki. Kanti kwelakhe icala uClinton Larsen uzimisele ukuphumelela ukuze iqela lakhe lihlale kwindawo yesibhozo xa kuvalwa isizini ngomso.