‘Likhaya lam iChippa’ – Molangoane

Amabhakaniya akalikrokreli iqhawe leChippa United, uJoseph Molangoane, nokuba ahamba phi futhi inoba ayazisola ngokumlahla.

Lo mdlali odlala ephikweni waqala udlala ibhola ecacileyo kwiBucs, kodwa ngelishwa zange afumane thuba lokudlalela iqela elidala.

NgoLwesithathu uMolangoane wenze ezibukwayo phambi kwamawaka waka ebezimase umdlalo wePSL obuphakathi kweChippa United ne-Orlando Pirates eNelson Mandela Stadium. IiChilli-boyz ziphumelele ngo’2-0 omhle.

UMolangoane nguye owenze idemesha kulo mdlalo. Udlakaze udonga lwangemva lePirates ngesakhono sakhe sokudlala ibhola wagqibela ngokufaka igowuli lokuqala.

Amakhwenkwe kaDan Malesela aye kwixesha lokuphumla ehamba phambili ngo’1-0. Ngomzuzu wamashumi amathandathu uBuyani Sali ufake igowuli lesibini.

Amabhaka-bhaka azame ancama ngoba khange abenawo amandla okumelana neChippa edlale umdlalo ophucukileyo. UMolangoane ufumene iwonga lokuba ngumdlali oqaqambileyo.

“Ndivuya kakhulu, kwaye ndibulela abaqeqeshi bam. Likhaya lam iChippa. Ndiyalibulela ithuba abandinike lona, yonke into iqala enkundleni xa siziqeqesha. Nenxaso esiyifumana kubalandeli siyayibulela,” utshilo uMolangoane emva komdlalo.

Umdlalo weChippa United olandelayo iwudlala neKaizer Chiefs kwiveki ezayo eFNB Stadium.