Uyazingca ngegalelo lakhe uMaluleke

Omnye wabadlali abathandwa kakhulu ngabandeli beKaizer Chiefs, uGeorge Maluleka, uzingomba isifuba ngegalelo alenzileyo kule sizini ka’2015/16 nangona Amakhosi engakwazanga ukufumana indebe.

Kwisizini edlulileyo uMaluleke udlale indima ephambili kwimpumelelo yeChiefs ngethuba ibamba iMTN 8 nendebe ye-Absa Premier Soccer League phantsi kukaStuart Baxter.

Nangoku isiqalo sakhe kwiChiefs sibe sihle uMaluleke, kodwa ukufika kukaSteve Komphela kuze notshintsho ngoba uchithe ixesha elide engaphandle kwebala.

Yiyo lo nto eye wanqaba kule sizini kodwa kwathi ethubeni uKomphela wabonakalisa ukumthemba lo mdlali owazakhela udumo ngethuba esadlala kwi-Ajax Cape Town nabadlali abafana noLebohang Manyama, uKhama Billiat noThulani Serero.

Ngethuba ethetha neli phephandaba kutshanje, uMaluleka, ubonakalise olukhulu uchulumanco ngenxa yegalelo lakhe kwiChiefs kwezi nyanga zimbalwa zidlulileyo.

“Okwam kukuqinisekisa nje ukuba konke okufunwa ngumqeqeshi ndikwenza ngale ndlela afuna ngayo. Ngela xesha bekudlala abanye obekufanele ndikwenze kukubaxhasa ngazo zonke iindlela. Sekudlala mna ngoku, ndiyathemba nabo bazo- kwenza njalo,” utsho uMaluleka.

Malunga nokungadlali kakuhle kweqela lakhe, uMaluleka uthe kuqhelekile ukuhambi kakuhle kwezinto xa kukho umqeqeshi omtsha nakweliphi na iqela.

“Ndiyazingca ngomsebenzi endiwenzileyo ukusukela mhla umqeqeshi wandinika ithuba lokudlala. Ndiyazi kuninzi ekufanele ndikwenze ukuze ndigcine indawo yam. Ndiyavuma iqela lona khange lenze kakuhle kule sizini, kodwa lo nto ayithethi kuthi sekuphelile. Ngelinye ixesha xa kutshintshwe umqeqeshi kuthatha ixesha ukuhlangana kwezinto. Enye yezinto ezenze kwanzima kakhulu kukuba besiziintshatsheli ezikhuselayo,” utshilo uMaluleka.

Amakhosi asebenze nzima ukuze iphele le sizini esendaweni yesithathu njengokuba ephoswe zizo zonke iindebe.