Sibhubhe kwingozi yemoto isinhanha seLotto

ISINHANHA esaphumelela izigidi ezilishumi elinesibhozo (R18 million) kwiLotto ngo2014, sibhubhe kwingozi yemoto emva kokuntlitheka kwesithuthi saso sohlobo lweV8 Mercedes Benz ngaseMpangeni KwaZulu Natal.

Iingxelo zithi, uNhlanhla “Budha” Dlamini ubhubhe ekunye nalowo ebekhwele naye uSiyanda Gumede.

UDlamini, phambi kwempumelelo yakhe yeLotto wayengumsebenzi kwindawo eyoja inyama kwilokishi iNgwelanze KwaZulu Natal.

Iphephandaba iZululand Observer libike ukuba uDlamini wayesebenza eNgwelezane apho wayefumana iiponti ezintlanu (R10) xa ethe wojela umntu. Ubomi batshintsha mhla waphumelela intywenka yezigidi ezilishumi elinesibhozo.

UDlamini uchazwe njengomntu obenenkathalo ngomhlobo wakhe. “Ebengumntu onentliziyo othanda iimoto. Ebethanda ukuqhuba lonke nje ixesha. Ebesoloko ekuthakazelela ukunceda uluntu,” utsho umhlobo kaDlamini.

abongile.ginya@inl.co.za