Izidanga ezihlanu zobugqirha eWSU

UJaji Mbuyiseli Madlanga, ozakunikwa isidanga sembeko sezomthetho yiWalter Sisulu University, yijaji egunyazisiweyo yenkundla yomgaqo siseko yeli loMzantsi Afrika, uneminyaka eyi’32 yamava esebenza kwicandelo lomthetho.

Kule minyaka mingaka uqokelele ulwazi, izakhono kunye namava, kwaye ezi zinto uye wazisebenzisa ngendlela efanelekileyo kwizikhundla zokuphatha aye wadibana nazo.

UJaji wazalwa ngomhla wama-27 kuMatshi ngonyaka ka1962 kwilali yaseNjijini eMount Frere, kwiphondo leMpuma Koloni.

Emva kokuba ephumelele ibanga leshumi eMariazell High School eMatatiele, ngonyaka ka1979 waye wangena kwiYunivesithi yaseTranskei, neyaziwa njengeWalter Sisulu Ngoku.

Uqale izifundo zesidanga seB.Juris, nasiphumelele ngonyaka ka1983. Kulapha apho wathi wafumana imbasa eyanikwa oyena mfundi ubalaseleyo kwizifundo zomthetho ngonyaka ka1981. Emva kweminyaka emithathu ngonyaka ka’1986 ufumene isidanga seLLB kwiYunivesithi yaseRhodes.

Ngonyaka ka1990 waye wafumana isidanga se-Master of Laws(LLM) esiphumelela emagqabini kwiYunivesithi yaseNotre Dame, eSouth Bend, e-Indiana e-USA.

Ukusuka ngonyaka ka1987 ukuya ku1989, uJustice Madlanga ebesebenza njengomhlohli kwiYunivethi yaseTranskei. Ngonyaka ka1991 ukuya kunyaka ka1996 usebenze njengegqwetha kwinkundla ephakamileyo yoMzantsi Afrika, eMthatha. Uye wabekwa njengejaji ephakamileyo yenkundla ephakamileyo yoMzantsi Afrika ukusuka kunyaka ka1996 ukuya kutsho ku2001.

Ngelixa esebenza njengejaji yenkundla ephakamileyo, uye wabekwa njengejaji ebambeleyo kwinkundla ephakamileyo yezibheno.

Ukhe wabambela kwakhona njengejaji engumongameli kwisebe eliseTranskei lenkundla ephakamileyo, ukusuka kwinyanga yesilimela ngonyaka ka1999 ukuya kweyeThupha kunyaka ka2000.

Emva kokuba ebeke phantsi ekusebenzeni njengejaji, uye waphinda waqala phantsi umsebenzi njengegqwetha eMthatha naseGoli. Uye wafumana elona wonga liphezulu kulo msebenzi.

Kusenjalo le yunivesithi, izakube iwonga abafundi ngezidanga ezihlanu kwezemfundo, eMthatha ngomso. Ifakhalthi yenzemfundo yiyo kuphela ezakube inikeza ngezidanga zobugqirhalwazi kumsitho walo nyaka.

Umsitho wonikezelelo zidanga uyaqhuba kule yunivesithi ukusuka ngomhla we-5 ukuya kowe13 kule nyanga.

Abanye abafundi abangamashumi amabini anesithathu bazakunikwa izidanga zeMasters kumacandelo ahlukeneyo. Le nto izobonakalisa ukuzimisela kwale yunivesithi kwiinzame zokuza nezisombululo kwiingxaki zaseMpuma Koloni.

Uphando olwenziwe kwizizidanga belugxile kakhulu kwiimeko zalapha eMpuma Koloni, kwaye lijonge amacandelo ahlukeneyo afana nepsychology, physiology, pathology, microbiology, education, chemistry, social work kunye negeography.

Isithethi sale yunivesithi uYonela Thukwayo ukhawulezile ukuphawula ngokubaluleka kophando olwenziwa ngabafundi.

“Njengeziko mfundo eligxile kakhulu kwiindawo ezise- maphandleni, kubalulekile ukuba IWSU, kwiinkqubo zayo zokufundisa nophando ikhuphe abafundi abanazo izakhono ezifunekayo zokuza nezisombululo kwizinto ezahlukeneyo,” utshilo uTukwayo.