Kufuniswa ngomzimba wendoda engaziwayo eGcuwa

Amapolisa aseGcuwa avule ityala lokubulala emva kokufunyanwa komzimba wendoda engaziwayo enamashumi amathandathu (60) eminyaka.

Umzimba wale ndoda ubhaqwe ngentseni yangomgqibelo umhla wesixhenxe kwisitalato iGrubb edolophini eGcuwa.

Iingxelo eziphuma kwisithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha zithi, lo mzimba ubhaqwe ngamapolisa ebepatrola.

Le ndoda ifunyenwe inamanxeba amabini kumzimba ongentla. Okwangoku umzimba awukaziwa ukuba ngokabani, kwaye uye wathathwa wasiwa kumzi wogcino-zidumbu karhulumente eGcuwa.

Okwangoku akukabanjwa mntu ngesi sehlo. Amapolisa abongoza nabani na olahlekelwe sisihlobo sakhe esiyindoda ayokufanisa okanye atsalele amapolisa aseGcuwa kwezi: 047 401 1100.