Abanabudoda ngenxa yokoluswa gwenxa

Ngamadoda angamashumi amabini angenalo ilungu labo lobudoda ngenxa yeengxaki zolwalulo kweli leMpuma Koloni emva kokoluka gwenxa kweyoMnga nyakenye.

Osisithethi sesebe lentsebenziswano kurhulumento nemicimbi yemveli uMamnkeli Ngam uthi, elinani likhuphela ngaphandle abo baphulukene nobudoda kwiminyaka engaphambili.

“Bathandathu eChris Hani abantwana abangenabo ubudoda, bathandathu e-O.R. Tambo, basixhenxe eAmathole aze abemnye eJoe Gqabi, kodwa yazi ukuba bakhona abazifihlayo,” utsho uNgam.

Iingxaki zolwaluko zibangele iyantlukwano emandla kubantu beli phondo ngenxa yeendlela ezahlukileyo abazibona ngayo izizathu zoku.

“Baninzi kakhulu abantu abangazixeliyo ukuba abasenabo ubudoda kuba besoyikisela ukuba bezakuhlekwa ngoogxa babo ekuhlaleni,” utshilo uNgam.

Ubudoda kula madodana buqhawulwa emva kokuba ingxaki yabo yesiko ifikelele kwinqanaba eliphezulu baze oogqirha bacebise ukuba lisuswe ukuzama ukukhusela elo xhoba.

Iphondo leMpuma Koloni lihambe phambili kwakho ngenani labantwana abathe babhubhela eSuthwini kunyaka ophelileyo u2015.

Isebe lentsebenziswano nemicimbi yemveli lizakumisela iphulo lalo lokuqinisekisa ukuba kwenziwa iinzame zokukhusela abakhwetha eSuthwini.

“Ukuvalwa kwezikolo apha kule yeSilimela lizakuqala ukunyuka inani labantwana abafuna ukwaluka, ngoko ke siqalile nathi ukuqinisekisa ukuba yonke imibutho, iinkosi nabantu esidla ngokusebenzisana nabo bakulungele ukulwa neengxaki zaseSuthwini,”ucacise watsho uNgam.

Amasebe karhulumente aquka isebe lezempilo ajikeleza kwiindawo ezahlukileyo zephondo ezama ukunqanda iingxaki ezibangela ukubhubha kwabakhwetha.

“Yintsebenziswano yethu sisonke enokwenza ukuba sizilwe ngokupheleleyo iingxaki zokubhubha kwabantwana eSuthwini, uluntu luncedisane norhulumente kuliwe ezi ngxaki,”utsho uNgam.

Amagosa karhulumente ebejikeleza ekuqaleni kwalo nyaka ecacisela uluntu ngomthetho omtsha ongolwaluko, agxothwa kwidolophu yase- Matatiele ngenxa yokuba abantu bokuhlala besithi abanakuxelelwa ngabafazi ngesiko labo.

siyabulela.mqikela@inl.co.za