Ulutsha maluthathe inxaxheba luvote

Njengoko ilizwe liphose amehlo kunyulo loomasipala singalindela iingxoxo eziluqilima malunga nolutsha oluchase ukuvota. Xa kuthelekiswa abantu abavotileyo, kubizwa amagama ooceba abatsha, iinzululwazi zopolitiko zizakuhlomla iziphumo zovoto, emva koko zigxeke kalusizi umdla onqongopheleyo wokuvota kulutsha.

Onke amanqanaba opolitiko kwihlabathi liphela axhomekeke kulutsha lanamhlanje. Kuxhomekeke kumlisela nomthinjana ukuthatha uxanduva lokuthetha kuvokotheke ngeemfuno zabo, kwaye bathathe nezigqibo ezidingekayo. Oku kudingeka ukuba kuqale namhlanje ngapha koko abayikuvakala abantu abatsha, bayakufana nabasebezayo kwilizwe apho zibethiswa ngoyaba khona iingxaki nelidalwe kwangabantu balo.

Siphila kwilizwe elidinga ukulwelwa, ilizwe elihle esizakulishiyela abantwana bethu. Kuyanyanzeleka ukuba siyikhusele inkululeko yethu ngokuthi sifundise intsha ngokubaluleka kovoto.

Kungako ukuphiswano lwezikolo ngentetho yeNkulumbuso yePhondo leMpuma Koloni belibanjwe kundlunkulu eBhisho. Oku bekusenziwa ukukhuthaza kwanokufundisa ngokuthatha inxaxheba kwabantu abatsha kuRhulumente, kwaye kukwakhuthazwa ukuzithemba kwabo.

Kwingxoxo yokhuphiswano yokuthetha esidlangalaleni kwanokucinga banzi ngezinto, isikolo sesithili iAlfred Nzo siphumelele emagqabini. Sizakuqinisekisa iinkonzo zokuphuhlisa ulutsha kweli phondo. Kwingxelo esiyinikiwe ngocwangciso lokuphuhlisa intsha, siqhuba kakuhle ngokuqala icandelo lolutsha kwi-ofisi yenkulumbuso. Eli candelo lizakunceda ukusebenzisana nokuqulunkqa izicwangciso zophuhlo. Lizakunceda ekuqaleni amathuba okuphuhla nazakukhokhelwa ngabantu abatsha, ukuquka ubuchule kwezobuxhaka-xhaka nombane, kwanokuqala amashishini.

Sizimisele ukusebenza nolutsha ngomnqweno omnye wokunceda abantu abatsha bafumane ingqesho, kwanokuxhasa oosomashishini abatsha ngokuthi sibancede ngenxaso yemali kwanenxaso nje ngalo nto bayidingayo. Ndifuna ukuthi kulutsha: ukuba uneminyaka elishumi elinesibhozo, ukubhalisele ukuvota, yenza njalo nge 3 kaAgasti xa ilizwe lonke lizakube lisonyula oomasipala kunye nooceba.

Njengabantu abatsha, niliqela elingenakubekelwa ecaleni kwizinto zopoliko, njengoko ihlabathi esilakhayo namhlanje niyakuphila kulo kwiminyaka ezayo. Iingxaki zasekuhlaleni nezelizwe, ukuqala kutshintsho-tshintsho lwemozulu ukuya kwizindlu ezithengeka ngamaxabiso afikelelekayo, konke oko kuzakubaneziphumo ezichaphazela iimpilo zenu.

Ninganefuthe elikhulu kwezo- politiko. Njengeenkokheli zethu zangomso, kufuneka nibenako ukuyiqonda into yokuba le nkululeko sinayo namhlanje kwiminyaka engamashumi amabini anesibini adlulayo, sasingenayo. Yinkululeko eyafelwa ngabaninzi le.

Masingalibali ukuba ukuzibandakanya kwabazali kudlala indima enkulu kwiindlela ulutsha oluzakuthi luvote ngayo. Ukufundisa abantu yinto ebaluleke kakhulu kuba uluntu oluyiqondayo inkululeko kunye nemithetho ekhuselayo lubonisa inzuzo yenkululeko. Ukuqinisekisa ukuba abantwana bethu bafumana isiseko esiluqilima kubantu belizwe, yimbaluleko nanjengoko oko kunceda ukwakha ulutsha olukwaziyo ukuthatha uxanduva ekuhlaleni kwethu. Xa sibhiyozela inkululeko eyafunyanwa nzima, masingamnandelwa ngamalungelo nenkululeko kuphela, kodwa masithathe inxaxheba yokufundisa abantwana bethu malunga nokubaluleka kwenkululeko ukuqinisekisa ukuba le nkululeko ihlala ikhona.

Ndiyakholwa akwanelanga ukufundisa ulutsha imvelaphi yenkululeko, kodwa ndicinga ukuba kubalulekile ukuba sibabonise indlela esebenza ngayo inkululeko. Sibonise abantu kwanendlela yokwenza utshintsho ngokuthi bathethe ngokukhululeka kwilizwe elikhululekileyo.

Ngapha koko, ndicinga ukuba abazali kufuneka bafundise abantwana besebancinci ngokubaluleka kokuvota. Oku kuzakubangela ukuba aba bantwana bakhule bekuthakazelela ukuvota. Umntu ngamnye unamandla kwanamalungelo, into leyo enqabileyo kwamanye amazwe jikelele ehlabathi liphela. Masifundise abantwana bethu ukuxabisa amalungelo, kwaye bawasebenzise ngobulumko.

Uxanduva lushiyeke kuthi, idyokhwe isemagxeni ethu. Ukuba ulutsha lufuna ukuviwa, maluthathe inxaxheba luvote.

Umlisela nomthinjana woMzantsi Afrika kufuneka uyiqonde into yokuba ulingomso lezopolitiko. Izigqibo ezenziwa namhlanje ziyakuba nefuthe kwiminyaka ezayo. Ngoko ke kutheni ungaqali namhlanje?

UMasualle yiNkulumbuso yaseMpuma Koloni.