‘Aphi amathambo onyana wam?’

Igula sisifo sentliziyo indoda yaseDuncan Village, eMonti, uKolela Mema, ngenxa yentlungu yokuhlala icinga unyana wakhe, ogama linguZola Mema, owabhubhela elubhacweni elijoni le-ANC.

Ingxelo kaMema ithi, impilo yakhe yophuka imihla ngemihla ngenxa yokuhlala enethemba lokuba, akuze abuye amathambo wonyana wakhe ngenye imini. “Bafika abantu be-ANC apha kum ngo-1985, bezokundixelela ukuba uZola ubhubhile, ngoku andisafuni ngxoxo, koko ndifuna nje ukuncediswa kubuye amathambo akhe,” utshilo ebonakala esentlungwini.

Le ngwevu ihlala kwityotyombe elimagumbi mabini kwilokishi yaseDuncan Village, kwaye impilo ikekele kuye nenkosikazi yayo, uNosipho Mema. Uhambisa athi waxelelwa ukuba unyana wakhe wangcwatywa engcwabeni elinye namajoni alishumi elinesithathu we-ANC, e-Angola, ngeminyaka yoo-1980.

“Ndihlutshwa kukuva iindaba ezithi kukho amathambo wabantu abuyiswayo ababhubhela ngaphandle, kodwa owam umntwana akaveli ndawo,” utshilo uMema.

Zikhona iingxelo ezithi kukho amadoda adutyulwa, aze angcwatywa engcwabeni elinye kwinkampu ye-ANC e-Angola, ngenxa yezono zaloo madoda, itsho ingxelo.

Urhulumente wephondo leMpuma Koloni ubuyise amathambo wamajoni omzabalazo izihlandlo eziliqela.

Osisithethi sesebe lemidlalo nenkcubeko kweli phondo, * -Andile Nduna, uthi ngenene akhona amathambo esele bewabuyisile. ”Ndiza kumdibanisa namagosa asebenza ngalo msebenzi apha esebeni lethu, ukuze aqalise ukwenza uphando ngeyona nto yenzekayo kunyana wakhe lo tata, ukuba litsale ixesha elide ungade ulahleke lo mkhondo,” utshilo uNduna.

Ingxelo kaNduna ithi, ngamadoda akumashumi amahlanu anesibini weli phondo, nekulindeleke abuyiselwe kweli kulo nyaka mali.

“Aba ngaba bantu babexhonywe ePitoli, abakho kwaba bebebhubhele kumazwe angaphandle, kodwa ndiqinisekile baza kubuyiselwa kwintsapho zabo kulo nyaka mali sikuwo,” utsho uNduna.

UKolela Mema uthi, ukubuyiswa kwamathambo onyana wakhe nokuba afunyanelwe indlu efanelekileyo yeyona nto inokumxolisa.

“Ayikho enye into endiyifunayo ngaphandle kokubuya kwamathambo omntwana wam, nokuba ndakhelwe indlu yokuhlala enesidima nje ngabanye abantu,” utshilo uMema.

Le ngwevu ithi yothuka kakhulu yakuva ingxelo zokuba unyana wayo ubhubhile kwilizwe lase Angola.

“Ndothuka kakhulu ukuva kwam ezingxelo, lo nto yenza ukuba ndihambe koogqirha abandixelela ukuba ndifunyenwe sisifo sentliziyo ngenxa yale meko,” utshilo uMema.