Izimisele ukusebenzisana noluntu liphumeze iimfuno zalo iUDM

ULUNTU lunoxanduva lokuthathela kulo ubume beendawo abahlala kuzo. Lowo ngumyalezo weUDM kunyulo loorhulumente boomasipala elizakubanjwa ngomhla wesithathu ka-Agasti walo nyaka.

Lo mbutho uya kulonyulo ngenjongo yokuphucula intlalo yoluntu kwiindwo othe wonyulwa njengorhulumente kamasipala kuzo.

Inkokeli yeUDM uNjengele Bantu Holomisa uthi, “Sizokwakhela abantu iindawo zoshishino kwiindawo abahlala kuzo, ukuze bakwazi ukuzivulela amathuba engqesho. Sikhuthaza nokuba abantu bacoce kwiindawo abahlala kuzo, ukuze babe nentlalo enesidima.”

UHolomisa uthe, abantu basuka kwiindawo ngeendawo bezokukhangela amathuba engqesho eRhawutini, xa befika bacukane emikhukhwini, nto leyo ikhokelela ukuba abantu bakhe imikhukhu kwimihlaba engakulungelanga ukuhlala abantu.

Uqhube wathi, “I-UDM izakuncedana noluntu ukuba lizakhele izindlu ezisemgangathweni, ooceba beUDM bazakukhusela uluntu ukuba lingokhi mikhukhu kwiindawo ezingafanelekanga.”

UHolomisa uthi, iUDM ifuna ukukhokelisa uluntu ekuphumezeni iimfuno zalo. Oomasipala abaphantsi kwalo mbutho bazakuba neekomiti ezisebenzisana namapolisa ekulweni nolwaphulo mthetho.

Lo mbutho uthi ufuna kubekho izikhululo ezincinci kwiindawo zoluntu. Ukwathe uvavanyo lwemizi luqhutywa ngendlela efanelekileyo ukuqinisekisa ukuba uluntu lihlawula imali efanelekileyo ngeenkonzo zikamasipala.

Uthe, abo bangathathi ntweni abazukuzihlawulela iinkonzo.

Lo mbutho ulumkise ngamanyathelo aqatha kubuqhophololo.