UTinkler unexhala leMaritzburg Utd

Umqeqeshi we-Orlando Pirates, * -Eric Tinkler, unovalo njengokuba iqela lakhe liza- kudlala neMaritzburg United kuba esazi ukuba ingabuya ngamandla emva kokubethwa ngempelaveki edlulileyo.

Oku kuvakaliswe nguTinkler kudlilwanondlebe alenze emva kokuba iPirates ibethwe yiPlatinum Stars ngo’2-1 kumdlalo wePSL eRoyal Bafokeng Stadium ngoLwesibini ngorhatya.

AmaBhakaniya aye eRustenburg enethemba lokufumana amanqaku ukuze afumane indawo yesithathu kwiPSL. Izinto aziyihambelanga kakuhle iPirates. Kodwa ithemba lokudlala imidlalo yeCaf lisekhona ngoba iBucs isenemidlalo emithathu futhi isekhona nakwiNedbank Cup. Iqela likaTinkler lingadibana nengxaki ngoba iTeam of Choice ilwela ukusinda ezembeni.

Onke amaqela asemsileni ayingozi kwaye uyayiqonda lo nto uTinkler. “Awukho umdlalo olula. Ilwela ukuhlala kwiPSL iMaritzburg, kwaye kunyanzelekile sidlale ngokuzimisela. Isizini iyaphela kwaye kufuneka siyivale kakuhle,” utshilo uTinkler.