Ibhiyozele inkululeko i-UDM

Umbutho we-United Democratic Movement ubhiyozele usuku lwenkululeko eMqanduli, apho usekela mongameli weli qela uLitchifield Tshabalala asebenzise eli thuba ukukhuthaza amalungu eli qela ekubeni asebenze nzima ukulungiselela ulonyulo lorhulumente basemakhaya.

Ethetha nabalandeli ebebezalise iholo uthe: “Akukho siqinisekiso sokuba amaqela aphikisayo azokufumana lula ivoti, lonto ithi makusetyenzwe nzima ukulungiselela ulonyulo.”

“Kule minyaka ingamashumi amabini anesibini eli lizwe lixhamla inkululeko, ndiqaphele ukuba abantu abaninzi ngabasokolayo, nabangaboni nto bangayibhiyozela. Ndifuna umbutho ungathembisi abantu ngezinto ongazukwazi ukuzenza xa ungene ezintanjeni,” utshilo uTshabalala.

Ulutsha lolona belu luninzi kulo mbhiyozo weUDM. Usihlalo weli qela e-O.R. Tambo uZakheni Nondaka uthi, emveni kokonyulwa kweqela lethutyana bathatha isigqibo sokujonga abantu abatsha kakhulu nanjengoko ingabo abasokola kakhulu xa kuthelekiswa nabantu abadala.

USisipho Samente (24) welali iLower Ngqungqu uthi, angavuya ukubona kuncipha intswela ngqesho, ukudlwengulwa kwabantu ingakumbi kwilizwe elixhamla inkululeko.

Ingwevu uJohn Madengezane obezimase lo mbhiyozo uthi, barhalela kulawule uNjengele Bantu Holomisa kweli lizwe.

“Ndandiphangela eGoli kwafika uHolomisa ehamba noWinnie Madikizela-Mandela sakhala kuye sancedakala. Abantwana bethu abaqesheki kuthiwa mabaveze amakhadi e-ANC ngaphambi kokuqeshwa.”