Amalungu eANC abambe uqhankqalazo

AVALELWE ngaphandle amalungu eANC ebebambe umngcelele woqhankqalazo oya kwii-ofisi zengingqi yalo mbutho eMonti. Angaphaya kwekhulu amalungu alo mbutho aphuma kuWadi 17 phantsi komasipala iBuffalo City asingise kwii-ofisi zalo mbutho.

La malungu athi zange kulandelwe nkqubo iyiyo kwintlanganiso yesebe yokonyulwa abo bazakuba ngooceba beANC kunyulo loorhulumente boomasipala elizakubanjwa ngomhla wesithathu kaAgasti walonyaka. Kule ntlanganiso konyulwa uPhumla Yenani onguceba waleWadi ukuba aqhubeke nokuba nguceba emva konyulo. Ii-ofisi zengingqi ebezivuliwe zivalwe xa kanye ingoma yabaqhankqalazi isondela ngakuzo.

Zife namthanyana iinzame zamalungu abekhokele olu qhankqalazo zokudibana nalawo bekufanele ukuba afumana uxwebhu lwezikhalazo.

UXolani Somaca othethela abaqhankqalazi uthe, “Sidane kakhulu, bekufanele ukuba zinkokeli ezi zikule ofisi, kodwa xa zinokubaleka abantu bazo lonto isixelela ukuba akukho zinkokeli apha.” Unobhala we-ANC kule ngingqi uMkhawuleli Maleki uthe, “Bendingekho e-ofisini mna, into eyenzeke phaya andiyazi.”

Ukwathe la malungu ebekuqhankqalazo akalandelanga migaqo yombutho ekufanelwe ukuba ilandelwe xa kukho ukungavisisani. “La nto bayenzayo yokusadula, izakuphinda igqwalise umbutho.”