Kuphuculwa intlalo yabafundi baseQonce

Abantwana abangathathi ntweni bezikolo zaseQonce ezahlukeneyo, nabo baye bafana nabanye abantwana ekungcono kwawabo amakhaya emveni kokubonelelwa ngempahla yesikolo umakufanwe (uniform).

Ezi zikolo zithe zaxhamla zezamabanga aphantsi, iNomhle P.S, Nobantu P.S kwakunye neMetele Primary School.

Ezi zikolo zibonelelwe ngumbutho, iDimbaza Development Trust (DDT) isebenzisana neDimbaza Young Forum eyasungulwa ngonyaka ka 2014, iinjongo zawo ikukuphuhlisa ikamva lolutsha lwala mmandla, kwanokunika ithemba, ingakumbi kwabo bajongene nobunzima kwanokukhuthaza ukubaluleka kwemfundo ebantwaneni.

UMasixole Mike Koya weDDT uthi, oku bakwenzileyo liphupha labo ngethuba besaseka eli qela.

Uthi, baye basebenzisana neetishala zesikolo zozithathu, ngethuba beququzelela lo msitho wokuphiwa kwabantwana iyunifom, ibengootishala kwakunye nesebe lentlalo yoluntu abaye bakhetha abantwana abababonayo ukuba batsala nzima njengoko ingabo abajongana nabo yonk’imihla.

UKoya uthi, bancediswe yivenkile yakwaPep njengoko iimpahla bezifumene khona zesikolo. Abafundi bangamashumi amabini ananye bebonke abathe baxhamla kwezi zikolo zithathu.

Inqununu yesikolo iMetele Primary School eyaqala ngonyaka ka1972, uVuyiswa Madolo ayiwuvali umlomo ngethe yakwenzelwa leli qela, nathi bebonke babephuma kwesa sikolo.

“Sinebhongo neqhayiya ngokuthe sakwenzelwa yiDDT ngokusebenzela ekhaya kuba bayayazi apho sisuka khona esi sikolo sisuka ebunzimeni. Abantwana esibahlohlayo baphuma kumakhaya ngamakhaya amanye ekunzima kuwo, abaxhomekeke kwimali yesibonelelo sikarhulumente engonokwazi ukwenza yonke into. Bathandathu abafumeneyo kwesi sam isikolo, bafumene ukuqala enyaweni uyokutsho kwiqhina. Kuziwe nayo yonke ikiti yokunxiba imihla ngemihla eskolweni,” Utshilo uMadolo,

Aba bathe baxhamla kwesi sikolo ngabafundi abasuka kuGrade R ukuya phezulu. Ukanti nenqununu yesikolo iNomhle, uVeliswa Gcilitshana engawuvali umlomo uthe: “Sizive siwongeke kakhulu, benze imini yabantwana yangummangaliso.

Imeko yabo siyayazi singadange saba siyaya kwikhaya lomntwana kuba omnye uyakwazi ukuza esikolweni engenazihlangu unyanka aphele nqunqe, ngoku iphelile lo nto kumnandi.”

Emva kokuphiwa kwabo impahla, banikwe nento esiwa phantsi kwempulo.

EMetele babesixhenxe abaxhamlileyo, kuquka nomntwana oyinkwenkwe omnye kubo.