UJaakkola ukhangela amadlelo aluhlaza

Iqela elikhulu laseKapa, i-Ajax Cape Town, kufuneka linyathelele phezulu ingekapheli isizini ukuze lifumane unozinti ozakuthi avale indawo ka-Anssi Jaakkola.

Lo nozinti udlale indima ephambili kweli qela iminyaka ephaya esithathwini, kodwa ngoku kuvakala iindaba ezithi, lo mdlali uzingela amadlelo aluhlaza. Le sizini khange ibentle ncam kwi-Ajax kwicala lemidlalo ye-Absa Premier Soccer League, kodwa into elixolisayo kukuba ekuqaleni kwale sizini iqhubayo yaphumelela iMTN 8 eyayidlalelwa eNelson Mandela Bay Stadium, eBhayi, apho yabetha khona iKaizer Chiefs ngo’1-0 eyayiziintshatsheli ezikhuselayo. Kwezi sizini zintathu uJaakkola azichithe kwi-Ajax uzibonakalisile ukuba ungumdlali ophezulu, kwaye wenza umahluko kwimidlalo ayidlalileyo. “Le midlalo mihlanu yokugqibela ye-Ajax iyakuba yeyokugqibela kum. Ndibulela ngokungazenzisiyo kubantu endisebenze nabo. Kuninzi kakhulu endikufunde apha, kwaye ndakuhlala ndibakhumbula,” ucatshulwe ngamajelo eendaba esitsho uJaakkola. Njengokuba i-Ajax ithe yabetheka kakhulu kwimidlalo eyidlale emva kokuphumelela iMTN8, ngoku ikwiphulo lokuqinisa iindawo ezithile. Ekuqaleni kwale nyanga ibhengeze ukuba ityikitye umdlali wasemva weChippa United, * -Erick Chipeta. Kulindeleke yongeze abanye abadlali xa kuvalwe isizini.