Zisafumana ubunzima kwiSuper Rugby iiSouthern Kings

ISouthern Kings isekwiphulo lokukhangela impumelelo nesingqi sayo kwiSuper Rugby, ingakumbi emva kokubethwa kwayo ziiLions, ngo’45-10 eBhayi, ngoMgqibelo.

IiLions zingqengqe emgceni amatyeli asixhenxe ukuze ziphumelele lo mdlalo.

Le mpumelelo ibalulekile kuba ithatha iiLions izibeke endaweni entle kwinkomfa yamaqela alapha e-Africa kwiSuper Rugby. IiLions zishiya iiSharks ngamanqaku amahlanu, emva kokuba iiSharks zibethe iHighlanders ngoLwesihlanu.

Njengesiqhelo, iiKings beziwulawula lo mdlalo ixesha elininzi kwisiqingatha sokuqala, kodwa ekuhambeni kwethuba zawuyekelela umxakatho.

Phambi kokuba kuyiwe ekhefini iiLions bezihamba phambili ngo’7-5, kodwa ziye zawulawula umdlalo emva kokuba uThembelani Bholi efumene ikhadi elityheli. IiLions ziqokelele amanqaku alishumi alinethoba ngelixa esabekwe ngaphandle uBholi. UWarren Whitely nguye oqale wangqengqa emgceni kwiiLions ngomzuzu wamashumi amabini anesibini.

Le ndedeba neyikapteni yeeLions igqobhoze phakathi kwabadlali ababini, yangqengqa phantsi kweempondo, loo nto iwenze lula kakhulu umsebenzi ka-Elton Jantjies waqabelisa. Emva koku uJantjies uye akakwazi ukuqabelisa ibhola ibilula kakhulu. IiKings zikwazile nazo ukuphendula kusekutsha kulo mdlalo xa bekungqengqa emgceni uLuzuko Vulindlu.

Kwisiqingatha sesibini ibeyimizuzu emibini kuphela, phambi kokuba iiKings ziphinde zangeze amanqaku azo ngokuwela umgca kukaAkker Van der Merwe.