Wancedwa nguMsamariya olungileyo egulela emsebenzini

UZIBONE encedwa nguMsamariya olungileyo umsebenzi weshishini lakwaPick * Pay elise Southernwood eMonti.

Indoda yaseMdantsane uPhiwe Mhlola nengumsebenzi eGoli ubalise wathi, “Bendibuyele ipasika, ndothuka xa ndingena kwaPick * Pay eSouthernwood, ndidibana nabasebenzi bephethe omnye ongusisi. Ndababuza ukuba kwenzeka ntoni, bandixelela ukuba eli nenekazi liyagula, bazama ukulisa esibhedlele. Bathi kum umanejala ubalele ukuba babize inqwelo yezigulala, bazakukhwela naye eteksini.”

OkaMhlola uthi, wabayalela ukuba bamfake kwimoto yakhe, waze wamthatha wamsa kwisibhedlele iFrere kwalapha eMonti.”

UMhlola umchaze lo mguli njengo Ntombifuthi Tobotshana nosebenza kule venkile. UTobotshana ubalise ngelithi, “Ndizive emva kwesidlo sasemini ukuba andiphilanga, ndacela omnye wabasebenzi ukuba andicelele kumanejala ndiphume, wabuya esithi akamphenduli. Emva kwamashumi amathathu emizuzu ndaziyela kuye, wandixelela ukuba naye akaphilanga kodwa ulapha. Emva koko andazi ukuba kwenzeka ntoni.”

Omnye wabasebenzi owazibonela ngamehlo uthe, “Kwakuphambi kwentsimbi yesihlanu ngethuba ndibona uNtombi esifa, wafa isiqaqa, ndacela umanejala ukuba abize inqwelo yezigulane, wandibuza yena ukuba izakubhatalwa ngubani na.”

Lo msebenzi uthi, bancedisana bemsa esibhedlele, phambi kokuba badibane nendoda eyabayalela ukuba bamfake kwinqwelo yayo. Umanejala kweli shishini uGefran da Silva walile ukuphendula.

Uthe kukho inkqubo yangaphakathi ephanda ngesi siganeko, akakwazi ukuthetha ngenxa yalo meko.