Abahlali baphalaze inkxalabo yabo kwiTreatment Action Campaign

Abahlali baseMonti abalwela amalungelo ezempilo bavakalise izimvo ngethuba bebevalelene kwindibano nombutho wabucala iTreatment Action Campaign (TAC) kunye noweSECTION 27.

Le ndibano ibibanjelwe eTurnbull Park eMonti ngoLwesihlanu weveki ephelileyo. Bathi nangona nje inani labantu abosulelekayo zizifo lisanda, uncedo luya lunqongophala ngakumbi kwiindawo abahlala kuzo.

Abahlali, bakhalazela iikliniki ezibonakalisa ukunqongophala kwenkathalo, oonesi abakruqukayo, nokucalulwa kwabantu abaneHIV kwabo bagula ngezigulo ezinyangekayo.

Maxawambi amayeza akabikho, apho lowo ugulayo uye axelelwe ukuba aphinde abuye emva kweeveki ezintathu, xeshikweni yona imeko yempilo yakhe ibuyela umva.

Kule ntlanganiso kugqitywe into yokuba abahlali mabaziswe yonke inkqubo yasezibhedlele nakwiikliniki abahamba kuzo, ukuquka nendlela imali esetyenziswa ngayo; loo nto izakunceda ekubeni bayazi apho baqhathwa khona kuncedo abalufumanayo – ngamayeza abawanikwayo kunye nomgangatho wesakhiwo sekliniki okanye isibhedlele eso.

I-TAC izakusebenzisana nesebe lezeMpilo ukuqinisekisa ukuba umntu utya ukutya okusempilweni, kwanesebe lophuhliso loluntu ukuqinisekisa ukuba imeko yakhe yokuphila isemgangathweni.

AbakwaTAC bakwathe isebe lezindlu liza kubandakanywa ukuqinisekisa ukuba umntu uhlala kwindlu esemgangathweni. Bathembise ngelithi ukuba imizamo abayenzayo ayivakali kwabasemagunyeni bazakubamba imiheshuzo.