Isebe lePirates lincede umama ohlelelekileyo

Akakwazanga kuzibamba iinyembezi uBukeka oyintombi yomama ohlelelekileyo uMkaweni Tshayisa (60) waseDuncan Village eMonti, ngethuba ebalisela amalungu esebe le-Orlando Pirates laseMonti ebetyelele kweli tyotyombe eyokuzibonela le ntlungu aphila kuyo lo mama.

Ukanti nalamalungu abonakele edandathekile esithi awakhange ayilindele into enje, esithi akukho namnye umntu ofanele ukuba uhlala kula meko ingakumbi engenampilo intle.

UTshayisa (60) uhlutshwa sisifo sokufa icala (stroke) yaye akasakwazi ukuzenzela nto. Abantwana bakhe abaphangeli, wonke umntu uxhomekeke kwimali yendodla yakhe.

Lo mama uhlala eshubele amanaphukeni njengoko engakwazi kuzilawula xa indalo ifuna ukuphendula (ukuya ngasese.

Usekela sihlalo wesebe lePirates eMonti uMfundo Thathi uthi, bachukumiseka beleli qela emva kokubona ibali lalo mama elapapashwa kwiphephandaba I’solezwe lesiXhosa elapapashwa phantsi kwesihloko esithi “Icela amanaphukeni inkosikazi yaseDuncan Village”. Eli nqaku lalipapashwe ngomhla wesihlanu kule nyanga.

“Silisebe elisakhulayo, kodwa asikwazangga ukuba singafaki sandla kule meko. Akufanelekanga ukuba kusekho umntu otsala ndzima kanje sekwakhululekwa.

“Emveni kokubona kwethu le meko ephepheni sadibana namalungu amasebe onke akwiindawo zethu sayixoxa ekubeni singaceda njani kweli khaya,” utsho uThathi.

“Kungoko siphume nesigqibo sokuba ngomhla wesibhozo, ngosuku olubalulekieyo loomama olaziwa ngokuba yiMothers Day, siza kuza siphethe izipho lo mama,” utshilo uThathi.

Uthi nabo beleli sebe abathathi ntweni, kodwa abakhange banyamezele ukubona la meko.

USikeyi uthe akakwazi nokuthetha, zange alindele ukuba angaze ancedwe ngabantu bebhola ekhatywayo kwimeko yakhe uyalibulela, nabo bazive bekhathalelekile phakathi koluntu.

La malungu awafikanga esonge zandla nangona nje ebesayokujonga, kuba afike ephethe intaphane yokutya.

UKhayalethu Issac okunxibelelwano kweli sebe uthi, abaqali ukwenza into enje, yinto abathe gqolo ukuyenza ingakumbi ukunceda abo bangathathi ntweni.

Kwinyanga ephelileyo bebeyofaka isandla kwikhaya iKhulanathi Childrens Home eScenery Park eMonti.