Kuyaphithizela eBhayi

Ingingqi yaseBhayi ijike yalibala lokudlala kwimibutho yezopolitiko efana ne-ANC, DA ne-EFF nanjengoko le mibutho ijonge ukuphumelela ulawulo lalo masipala waseNelson Mandela Bay.

Unobhala jikelele kumbutho weANC uGwede Mantashe uthe, akukho nto ingako ebangela ukuba bathumele lo msitho eBhayi.

“Asoyiki nto thina ngeBhayi, sizise lo msitho apha kuba imisitho yethu iyajikeleza kakade, sisuka eKapa eBloemfontein nakooMpumalanga,” utsho uMantashe.

Othethe egameni lomasipala waseNelson Mandela Bay uMthubanzi Mniki uthi, kunzima ukufumana indawo yokulala kubantu abandwendwele eBhayi. “Zigcwele zonke iindawo zokwamnkela abantu ngoku eBhayi, umyinge wokuthengwa kwezinto ezivenkileni ezingqongileyo unyukile, lo nto yenze ukuba ezinye iinkampani ziqeshe abantu okwethutyana,” utsho uMniki. Ukanti othethe egameni lombutho we-ANC uZizi Kodwa uthi, bamanxada-nxada eBhayi.

“Onke amalungu esigqeba esilawulayo kumbutho weANC sele elapha eBhayi, sothuswa kakhulu ngumdla wabantu kumbutho weANC kule ngingqi,” utsho uKodwa.

Uthi bathe bhazalala kwiindawo ezahlukeneyo zase Bhayi bethetha nabantu abangamalungu ombutho weANC.

“Asilindelanga malungu aphuma ngaphandle kweMpuma Koloni, kodwa ukuba ayeza asinakuwanqanda kulo nto kuba ngumbutho wabantu i-ANC,” ucacise watsho uKodwa.

siyabulela.mqikela@inl.co.za