Zivele enkundleni izikrelemnqa zaseTsomo

Bebevele phambi kwenkundla kamantyi eTsomo abarhanelwa abathathu abasuka kwilali yaseMbulu, ngezityholo zokubulala uLusindiso Bam waseMbulu.

Ityala labo lihlehliselwe umhla wesihlanu kuCanzibe nanjengoko kusaphandwa.

Abahlali abaphuma kwilali yaseMbulu nabakhokelwa nguNosiphenathi Mpama, olilungu le-ANC Women’s League noSilumko Bam osisibonda selali, bebejiwuzisa amaphekepheke abonisa inkcaso yolwaphulo mthetho.

Oku kuza emva kokuba abarhanelwa abathathu bebanjwe bagityiselwa ngaphaya kwezitshixo kwiveki esemva kwePasika, emva kwesiganeko sokubulawa ngokungenalusini kukaLusindiso Bam.

UNimrod Bam osisizalwane somfi uthe: “Kwimpelaveki engaphambi kwePasika safika kulichibi legazi endlwini kaLusindiso emva kokuva isikhalo, sambona elele kwelo chibi, sele ebanda. Sazibona izixhobo ezifana nehamile nesabile esikrokrela ukuba zasetyenziswa ekumhlaseleni.

“Ngexesha kulandelwa umkhondo kwabikelwa amapolisa athi akufika amjonga afumanisa enamanxeba okuhlatywa nokubethwa, kwafumaniseka nokuba abarhanelwa bagqogqile apha endlwini,” utshilo uBam.

UMpama uthe: “Asizimiselanga ukuwuthathela ezandleni zethu umthetho, kodwa sidiniwe ziziganeko eziluthotho zokudlwengulwa, ukuphangwa nokubulawa kwabantu abangenzanga nto. Kunzima kuba bade basifungele aba bantwana , babe noluhlu abalubhalileyo lokuba bazakusinqoloba ngamnye ngamnye kuba sibabizela amapolisa.”

“Iyasiphambanisa ke yona eyokunikwa ibheyile kwabantu baphinde babuye bayosingcungcuthekisa. Mabanganikwa bheyile ababulali,” utshilo.

USilumko Bam osisibonda selali ugxeka abathengisi beziyobisi notywala njengobangela wolu lwaphulo mthetho lugqugqisa ilali yaseMbulu.

Abahlali bathi bafuna bangayinikwa ibheyile aba barhanelwa.

isibhalo@inl.co.za