Ibandla laseBhayi lixhasa uZuma

Ibandla iBantu Church of Christ kundlunkulu walo oseBhayi lithi alihambisani nesimemezelo sombutho olibhunga leetyalitye nobizwa ngokuba yiSouth African Council of Churches (SACC) esithi makarhoxe esikhundleni uMongameli Jacob Zuma.

Ethethela inkokeli yeli bandla, umfundisi uZizamele Sizani, obemele uBhishophu John Bolana, uthe ibandla labo aligungqi ngakwinkxaso yalo kumbutho weAfrican National Congress ngokuphathelele kumongameli Zuma

“Umongameli Zuma wabekwa kwesi sikhundla ngenxa yokonyulwa kwakhe kwinkomfa yombutho wakhe i-ANC, yiyo ke esiya kuphulaphula kuyo (ANC), kwaye siyakwamkela nasiphina isigqibo esiphuma kwisigqeba esiphezulu sombutho.

Iingxelo zithi, umbutho we-SACC ubuvalelene neenkokeli ze-ANC kwiveki ephelileyo beyokucela lo mbutho ukuba ucele umongameli wawo ukuba ehle esikhundleni sokongamela ilizwe.

Noxa kunjalo, le nkonzo yaseBhayi, nanjengoko iqhele ukwenza njalo minyaka le, ibonakalise ukumxhasa uZuma.