Ukuncedisa oosomashishini

Ukuba useBhayi namhlanje kwaye ungumntu apha onomdla kumcimbi wokuziqhubela ishishini lakho elincinci, zama ukuya pha eNelson Mandela Bay Stadium emini.

Inkqubo iphela ngentsimbi yesine emvakwemini. Umphathiswa wamashishini asakhasayo namancinci uLindiwe Zulu, usodolophu waseBhayi uDanny Jordan, kunye nomongameli weNAFCOC uLawrence Mavundla bakube bephakela abahlali noosomashishini iindlela ezintsha zokushishina lula kunye nezibonelelo zokuncedisa oosomashishini.

Qho xa umntu ethetha ngokuqala ishishini iye ibe ngumba wemali yokuqala owona mngeni. Naphambi kokuba umntu ahlale phantsi acwangcise ishishini lakhe, abone ukuba lizakuthengisa ntoni okanye lakuzisa zinkonzo zinjani ebantwini siye sifumanise ukuba umntu uqala ngemali.

“Ukuze ndiqale eli shishini kufuneka ndibenemali enga nenga!” Kubelapho abethakala khona amashishini asakhasayo. Kwamkelekile ukuqala kancinci; uqale ngokuthengisa izinto ezimbalwa, wakhe ubudlelwane nabathengi kunye nabanye oosomashishini wakugqiba wande ngokwanda kwabathengi okanye abantu abafuna iinkonzo zakho.

Enye into ekungakhe kuthethwe ngayo zizakhono. Asikhe sithethe ngokuba abona somashishini bakwaziyo ukuqhuba amashishini kakuhle ngabo bakhulela kumashishini kumakwabo. Nokuba kwakuthengiswa utywala okanye imifuno okanye kukho ivenkile kowenu iyakwazi ukukulungiselela ukushishinia. Ikwa- ngoosomashishini abaqeqeshelwe ukushishina abathi bagqwese. Ngoko ke ziphi izifukamisi ezakuthi zithathe abantu abanomdla, zibaqeqeshe?

Sinomdla kakhulu kule nkqubo yanamhlanje iseBhayi kwaye sakuniphakela ezona zinto nezixhobo esizifumene zilulutho kwiphepha langoLwesithathu. Kuba umxholo ungqala ngqo kumashishini aselokishini kule nkqubo yangomso, kungakuhle ukubona iingcinga ezintsha ngamashishini anokudalwa pha. Lo mcimbi weetshisa nyama, “car wash”, spaza nezikroxo zotywala siyawubona uyasebenza. Ziintoni ezinye esinokuziqala ezilokishini? Singazenza zisebenze njani?

Sikwanawo nomdla kumathuba amatsha kwezoshishino kunye nendlela urhulumente azimisele ukuwaxhasa ngawo la mashishini.