…Lisuka kwiphepa 1

Okona kothusayo ngendlela asebenza ngayo kukuba akukho ntlawulo ayamkela ebantwini kuyo yonke le minyaka. “Ndenza oku konke kuba ndaxelelwa ukuba ndingamnkeli mali ebantwini, kodwa bona bayeza emva kokuba bencedakele baze kubulela ndamkele lo nto,” utshilo.

Ethetha ngenkqubo yokuncedwa kwabantu kweli xesha uthi, kulusizi ukubona abantu bakaThixo bexhatshazwa ngabantu abangena nyaniso.

“Ibuhlungu kakhulu into eqhubekayo kule mihla, kuba baqhwatywa ngabantu abathi bathunyiwe, kodwa bexoka befuna iimali zabantu befuna ukuzityebisa,” uhambise watsho.

Inkonzo yesikhumbuzo izakukhokelwa nguBhishophu wamaWisile uZiphozihle Siwa ephahlwe zibhishophu nabefundisi abaphuma kwezinye iinkonzo.

“Kaloku lo Mangconde ukhonza eWesile, ukhokelwe unegosa unomfundisi, ngoko ke ngamaWisile azakube eqhuba le nkonzo yesikhumbuzo, kodwa zonke iinkonzo zamkelekile,” ucacise watsho uMangconde. Oligosa eliphezulu kule nkonzo uBrice Ntsangani uthi, luninzi uncedo oluphuma kweli ziko lisiya kubantu abahlukileyo.

“Amasebe karhulumente ayafumana kuncedo lalo mama, intolongo yase Mdantsane ibisandula kufumana impahla yokucula, eyasexesi yona ibifumene impahla yokudlala umbhoxo, ibhola nekhilikithi,” uthethe watsho uNtsangani.

siyabulela.mqikela@inl.co.za