IWestern Province ivula iCurrie Cup namhlanje

Ngabadlali abathandathu ekulindeleke ukuba badlale okokuqala kwiqela labadlali abadala leWestern Province kumdlalo wokuvula iCurrie Cup, phakathi kweWestern Province neBullls namhlanje.

Umdlali sizikithini sebala uDaniel du Plessis, umdlali phikweni uSibahle Maxwane, umdlali okhabayo uBrandon Thomson kunye nodlali cabangeni uLuke Stringer, bazakudlala okokuqala kwinqanaba eliphezulu leWestern Province.

Abanye ekulindeleke ukuba badlale nguMeyer Swanepoel noDamien Stevens, ukuba bakwazile ukufumana indawo ezitulweni.

Umqeqeshi weWestern Province uJohn Dobson, uthi abadlali beBulls bazakulivavanya kakhulu iqela lakhe, kumdlalo walo wokuqala kule sizini.

“Sikuvuyela kakhulu ukuqala olu khuphiswano. Kwaye siqale kakuhle ngomdlalo kunye neqela leBulls, intshaba zethu ezinkulu, izakuba ngumdlalo onikisa umdla kakhulu,” utshilo uDobson.