Iimpephamvume zethutyana zabemi baseLesotho

BuzakutshintshA ubomi babantu belizwe laseLesotho abahlala kweli loMzantsi Afrika emva kokuba urhulumente weli ethe waqhubela phambili iinzame zokuphunyezwa kwemvume yokuhlala eyodwa ejoliswe kubantu baseLesotho, iLesotho Special Permit.

Oku kusemva kokuba umphathiswa wesebe lemicimbi yezekhaya kweli uMalusi Gigaba ethe waqhuba ngempumelelo indibano yakhe yokugqibela malunga nalo mcimbi kunye nomphathiswa welizwe laseLesotho uLekhetho Rakuane.

Konke oku kulandela isivumelwano phakathi korhulumente welizwe loMzantsi Afrika kunye nowase- Lesotho sokuba abemi belizwe lase- Lesotho bafumane imvume eyodwa yokuhlala kweli loMzantsi Afrika. Injongo ephambili yako konke oku kukwenza ukuba kubesemthethweni ukuhlala kwabantu belizwe laseLesotho kweli nabebekade behleli ngaphandle kwemvume.

Ingxelo ithi abantu baseLesotho bakweli ngenxa yezizathu ezahlukileyo eziquka ukufunda, ukuphangela kwanokuqhuba amashishini abo.

Umhla wokuqala kule nyanga ibe-ngumhla wokuqala kwale nkqubo nalapho kulindeleke ukuba abemi belizwe laseLesotho kweli bafake izicelo zokuba bafumane esi sigunyaziso sibanika ilungelo lokuba babe kweli loMzantsi Afrika.

Ingxelo ithi eli phephamvume lizakuvumela umntu ukuba ahlale isithuba seminyaka emine kuphela kweli ukuze kamva ahlaziye. Ilizwe laseLesotho linabantu abaqikelelwa kwisigidi, kwaye isiqingatha sabantu bela lizwe bahlala kweli loMzantsi Afrika ngeenjongo zokufumana amarhiwu aluhlaza.

Umhla wokuvala kwezi zicelo ngumhla wamashumi amathathu ananye kwinyanga kaJuni walo nyaka, kwaye othe akasifaka isicelo sokubonelelwa ngezi mpepha mvume uyonyanzeleka ukuba alifulathele eli loMzantsi Afrika.

Iphondo leMpuma Koloni lelinye lamaphondo anamanani aphezulu abemi belizwe laseLesotho abakweli, uninzi labo ngenxa yokuba besalusa kumakhaya ahlukileyo eli phondo. Inkqubo ezakulandelwa ifana twatse naleyo yathi yalandelwa ngethuba kwakukhutshwa impepha mvume zethutyana kubahlali belizwe laseZimbabwe abekweli.

Le ngxelo ihambisa ithi kukwavulwe inyoba yokuxolela bonke abo bathe bafumana ngomgunyathi imvume zokuhlala kweli, incwadi zazisi kwanezinye inkcukacha, kwaye bayacelwa ukuba bazibuyisele kwabasemagunyeni. Ngokwenza oku ilizwe loMzantsi Afrika lizama ukukhusela abantu abaphuma kumazwe anje ngeLesotho ekuxhatshazweni ngabeqeshi kweli.

Le ngxelo ithi, ilizwe loMzantsi Afrika liyiqonda kakuhle indima edlalwe ngabantu abaphuma kumazwe akumazantsi e-Afrika afana neLesotho kwimeko yemali yeli.