Kuphicothwa isicelo ngoDalindyebo

SIFUMANA uqwalaselo ngumphathiswa wezobulungisa nezoluleko kweli uMichael Masutha, isicelo sengqawule ngakwikumkani yabaThembu eseluvalelweni uBuyelekhaya Dalindyebo.

UDalindyebo uwuqale lo nyaka engaphaya kwezisele emva kokuphanza kweenzame zakhe zokuphepha intolongo. Umbutho weenkokeli zemveli kweli phondo iCONTRALESA ifake isicelo kwi-ofisi kamongameli weli uJacob Zuma.

Izolo i-ofisi kaZuma ichaze ukuba isifumene esi sicelo, kwaye isidlulisele kuMasutha ukuze sifumane ingqwalasela.

Isithethi sesebe lobulungisa nezoluleko * -Advocate Mthunzi Mhaga uthe, uMasutha uyasiqwalasela esi sicelo, kwaye uzakusidlulisela kumongameli uZuma nekulindeleke ukuba athathe isigqibo.

Ukanti isithethi sesebe lezoluleko eMpuma Koloni uZamuxolo Feni ubike ukuba usafumana unyango kwisibhedlele saseMonti uDalindyebo.

Namhlanje lusuku leshumi ukususela oko ebethe walaliswa ngesigulo esingachazwayo.

johnnie.isaac@inl.co.za