Uncedo kwizikolo zaseMthatha

Bangaphezulu kwamashumi amabini abafundi bezikolo ezahlukeneyo kwintshona yoMthatha abazifumanele omakufanwe (uniform) nezixhobo zokufunda eziquka incwadi nezinye kwi-Andile Nontso Foundation kumsitho obubanjelwe eMthatha Golf Club ngoLwesihlanu.

Abantwana abaxhamleyo ngabasuka kumakhaya ahlwempuzekileyo abathathe inxaxheba kumdlalo wegalufa.

Lo mbutho usungulwe kwiminyaka emithathu edlulileyo, kodwa sele wenze umahluko omkhulu kubantwana abaselula nakumakhaya akhathalela abantu abadala, aquka iThemba Development Centre.

U-Andile Nontso ongumsunguli wayo uthi, bajonga amaziko enza umahluko ekuhlaleni nabantwana abathath’inxaxheba kwezemidlalo beselula.

“Siqokelele imali ngoNovemba wonyaka ophelileyo ukuze sithenge izinto esiphisa ngazo, sikhuthaza ukudlalwa kwegalufa ngabantwana abaphakathi kweminyaka esithoba ukuya kwishumi nesihlanu, umdlalo wegalufa ayingowabelungu kuphela. Sincedwa ngoosomashishini abaninzi abancama iimali zabo bafake isandla xa sicela,” utsho uNontso.

Ukuthatha inxaxheba kwezemfundo kwakhuthazwa ngumongameli welizwe ukwenza umahluko esithi imfundo mayibe yinyewe yokuhlala. Unyameka Mgijimi wesebe lezemfundo ephondweni uthi eli phulo lalo mbutho liluncedo kakhulu kweli sebe lizokwenza umahluko omkhulu.

Umfundi uMandla Happy (9) oxhamleyo nofunda eHolly Angels uthe: “Lo makufanwe nezi ncwadi zizondinceda kakhulu ndiqhubele phambili nezifundo zam lo gama ndizoqina nangakumbi ukudlala igalufa.”

isibhalo@inl.co.za