Akakhange alibeke kumngcwabo womntakwabo uCeline Dion

IBIYIVEKI enzima kakhulu le kuCeline Dion. Kwiintsukwana nje ezimbini emva kokuvalelisa kumyeni wakhe uRene’ Angelil, le mvumikazi yaziwa kumhlaba jikelele, iye yazimasa inkonzo yokukhumbula umntakwabo uDaniel Dion ngoMgqibelo eSalon Charles Rajotte eRepentigny, eMontreal.

Kodwa le mvumikazi isanxungupheleyo, khange ikwazi ukuzimasa inkonzo yomngcwabo yomntakwabo ibibanjwe ngoMvulo, oku kudizwe yi-Entertainment Tonight.

UDaniel, nobengomnye wabantwana bakulo Celine abalishumi elinesithathu, ubulewe sisifo somhlaza nge-16 kaJanyuwari- kwiintsuku nje ezimbini emva kokuba umyeni kaCeline weminyaka eyi-21, naye ebulewe sisifo somhlaza.

Le mvumikazi kaMy Heart Will Go On, ingcwabe * -Angelil ngoLwesihlanu kwinkonzo kawonke-wonke ibibanjelwe eNotre-Dame Basilica, nkonzo leyo esi sibini sazimanyela kuyo ngo1994.

Ebezimase le nkonzo namawele akhe uNelson noTeddy abaminyaka mihlanu ubudala, ndawonye nonyana wakhe wamazibulo oneshumi elinesine ubudala, uRene’ Charles.

Kule nkonzo, uRene’ Charles, uthe ndlela-ntle kuyise obhubhe kwiintsuku ezimbini phambi kokuba afince iminyaka engamashumi asixhenxe anane ubudala.

U-Angelil, nowanceda ukubumba ikhono lale mvumikazi yaseCanada, kubikwe ukuba nguye buqu ocwangcise umngcwabo wakhe.

simphiwe.freddie@inl.co.za