Zisinde cebetshu iintatheli

Intatheli yephepha-ndaba I’solezwe lesiXhosa uJohnnie Isaac ekunye nentatheli yomthombo weendaba iGround-Up uNombulelo Damba basinde cebetshu ngethuba amalungu ombutho we-South African Destitute Ex-mine Workers Forum bebagxotha bebagrogrisa ngokubabulala kwindibano yalo mbutho ibibanjelwe eQonce ngoLwesihlanu.

Le ndibano ibichazwe ukuba izakuxoxa iingxaki zabantu ababesebenza emigodini ngaphambili abangazange bazifumana imali zabo kwinkampani zemigodi.

“Emva kokulikhangela silifumane ibala abebekulo, ndithe xa ndithatha imifanekiso beza kum bendiyalela ukuba ndiyeke ukufota, befuna ukuthatha ifowuni ebendifota ngayo bendityhola ukuba ndithunyiwe,” ucacise watsho * -Isaac.

Ukanti ingxelo ithi, uSakhele Kula, umququzeleli akakhange abonakale nangetshengele kule ndibano, ingoyena ebefunwa ngamandla ngabasebenzi besithi uqokelela imali athembise ukuba uzakwenza okuthile. UDamba uthi basindiswe kukuzithethelela kwabo basebenzi bebezele umsindo.

“Bafike kuthi bebuza ukuba sithunywe ngubani besithi ayikho nye into ebulalisa umntu, asikhange sibaxelele ukuba sithunywe ngubani, bekwafuna ukwazi ukuba ngubani lo ebesixelela ngale nto, asikhange sibaxelele,” ucacise watsho uDamba.

Ezi ntatheli zincedwe kukuthobela lomy lelo uthi mabahambe kulo mcimbi.

Lo mbutho nguwo ubumeme amajelo eendaba ngelithi bazakumisela iphulo elibizwa ngokuba “Asinamali”.

Lo mbutho ujikeleze kwiindawo ezahlukeneyo kurhulumente nakwiinkampani zabucala kuquka nepalamante kazwelonke ubongoza ukuba kuhlawulwe iimali zabo.

Ethetha nephephandaba I’solezwe lesiXhosa uSakhele Kula uqinisekise ukuba ukumiselwa kweli phulo kuzakubonisa umsindo abanawo.

“Eli phulo lizakuqala ngale mini kude kuphele unyaka, sisenza imigushuzo ebonakalisa ukunganeliseki kwethu ngenxa yokungahlawulwa imali yethu,” uthethe watsho uKula.