UZuma ugxeka izehlo zobunqolobi

Umongameli weli uJacob Zuma ukugxeke ngokumandla ukuhlaselwa kwekomkhulu laseBurkina Faso i-Ougadougou nalapho kubhubhe abantu abangamashumi amabini anesithathi ngoLwesihlanu ogqithileyo.

UZuma uthi urhulumente weli ungenelela kwinxalenye yabantu behlabathi abachasene ngokumandla neziganeko zobunqolobi kwihlabathi ngokubanzi.

Olu hlaselo luqhubeke kwindawo yokutya kwela komkhulu kwaza kwabhubha abantu kusenzakala abanye.

Ukanti urhulumente weli uthi uzakuqhuba uphando ekhangela ukuba akukho bantu beli bachaphazelekileyo kule meko.