U-Viljoen ubizwe okokuqala

kwi-Proteas

UHardus Viljoen, ufumene umdlalo wakhe wokuqala kwiProteas izolo, kumdlalo wesithathu wovavanyo phakathi kwala mazwe mabini.

Lo mdlali ugibiselayo, ebesandula ukwenza iziqwenga kumdlalo weHighveld Lions, kuluhlu lemidlalo yeSunfoil eWanderers. Nangona evuya uViljoen ukufumana ithuba lokudlala okokuqala, kodwa uMzantsi Afrika ufumene ilishwa emva kokuba kuvakele ukuba, uQuinton de Kock uzakuphoswa ngulo mdlalo.

UDe Kock uye wenzakala edolweni, ngokuhlwa ngoLwesithathu, le nto yathetha ukuba akazukudlala kumdlalo oqhubayo wovavanyo. Indawo kaDe Kock, izakubanjwa nguDane Vilas, nokuye kwanyanzeleka ukuba angayi kumdlalo weCape Cobras, weSunfoil.

Ikapteni entsha, yeProteas, * -AB de Villiers uye waphumelela itosi wakhetha ukuba liqhokre kuqala iqela lakhe.

Eyonanto imenze akhethe ukuqhokra kukulungiselela ukuba uVilas ade afike, eGoli.