UValke ugxothiwe yiFIFA

UJerome Valke, ugxothwe ngokungxamisekileyo kwisikhundla sakhe nje- ngonobhala jikelele weFIFA.

Le nzalelwane yaseFrance, isusiwe kulo mbutho, isithuba seminyaka esithoba. Oku kulandela emva kokuba kwenziwe uphando, noluveze ukuba uValke unento yokwenza, nokuthengiswa ngokungekho semthethweni kwamatikiti endebe yehlabathi.

UValke uziphikile izityholo abekwa zona, ngelithi indlela azenza ngayo izinto isoloko isemthethweni. Kodwa intlanganiso ibibanjwe yikomiti yeFIFA, ithathe isigqibo sokuba asuswe kwesi sikhundla. Ingxelo ekhutshwe yiFIFA, ibibhalwe ngolu hlobo: “Ikomiti yeFIFA, yesiquphe ithathe isigqibo sokuba imgxothe uJerome Valke, kwisikhundla sokuba ngunobhala weFIFA, ngokungxamisekileyo. Le nto ithetha ukuba akasenguye unobhala weFIFA.”

Le ngxelo ikwabhengeze nokuba, uDr Markus Kattner nguye ozakubamba.