Bacaphukile lixhego elidlwengula amakhwenkwe kummandla waseCala

Abahlali base-Extension 13 eCala bavutha ngumsindo besithi maliphume liphele ixhego elineminyaka engamashumi asixhenxe anesixhenxe elityholwa ngokuthi gqolo lidlwengula amakhwenkwe aselula ngeminyaka.

Lo mtyholwa usinde ngokulambisa ngethuba abahlali befuna esiqwini kuye kulandela intlanganiso ebibanjwe ngabahlali ngeCawe. Oku kuza emva kokuba ixhego eli lishiye ilokishi yase-Extension 15 kwaseCala phantsi koxinzelelo labahlali kwangezi zityholo zinye.

Ethetha nephepha-ndaba I’solezwe lesiXhosa umhlali wase-Extension 15 ongafunanga kuchazwa nobeyinxalenye yentlanganiso yabahlali base- Extension 13 uthe: “Eli xhego lidlwengule abantwana abangamakhwenkwe abathathu ukuza kuthi ga ngoku. Wayebanjiwe kunyaka ophelileyo kodwa zange ahlale kwaxesha lide waphinda waphuma singasixelelwanga isizathu.”

“Aba bantwana baphakathi kweminyaka emithandathu ukuya kwelishumi kwaye okusixakayo kukuba le ndoda inomfazi, ishiya umfazi endlini iyodlwengula abantwana. Asimfuni nathi apha e-Extension 13 kuba uzakwenza kwa eli nyala linye,” utshilo umhlali wale ndawo.

Umtyholwa nozibiza ngenkitha yamagama angafaniyo kunye neziduko uye wahlangulwa ngabakwantsasana. Isithethi samapolisa ase-Alivani uWarrant Officer Boja Tseha ukukhabile ukuzithathela umthetho ezandleni kwabahlali watsho esithi kusenziwa uphando ngezi zityholo.

Usapho lomtyholwa lalile ukuthetha nephepha ndaba I’solezwe lesiXhosa ngelithi wonke lo mba usemapoliseni.