Achithiwe amatyala abahlali baseMthatha

Inkundla yamatyala yaseMthatha iwachithile amatyala ngakubahlali baseMaiden Farm abalishumi elinanye ababanjwe ngempela-veki ngezityholo zokwenza udushe esidlangalaleni.

Aba bahlali nabangamalungu e-Economic Freedom Fighters (EFF) bayinxalenye yeqela ebelivale indlela uR61 ngoMgqibelo benyanzelisa ukubuyiselwa kwezindlu ezadilizwa ngumasipala weKSD kunyaka ophelileyo.

Lo mba usezinkundleni zamatyala. Umhlali waseMaiden Farm owadilizelwayo uNkosiphendule Mdaka uthi, abazujika kwisinyanzeliso sabo sokubuyiselwa izindlu zabo.

“Asikhange sonakalise nto sitshise nje amatayala savala indlela uR61 ngeenjongo zokuhlokoloza umasipala, asiqali ukubanjwa lityeli lesibini eli kodwa asizuphela mandla,” utsho uMdaka.

Bebonke abantu abadilizelwayo bayi-480. Ezinye zeenkokheki zabahlali eMaiden farm zityhola umbutho wopolitiko i-EFF ngokulahlekisa abahlali ngokubakhokhelela kugwayimbo.

Inkokeli yabahlali uKholekile Lurhani uthe: “Abantu ababanjiweyo ayingabo abadilizelwa izindlu ngabantu nje abenza izinto zabo kwaye umbutho wopolitiko i-EFF ukhangela nje indlela yokufumana amanqaku opolitiko.”

Kwelakhe icala usihlalo weli qela kwingingqi ye-O. R. Tambo uMziwamadoda Sitshwala uthi bazakulwa kubemdaka iisali belwela amalungu abo.

“Sizoqinisekisa ngokulandela eli tyala de lifikelele esiphelweni, sifuna wonke umntu afumene izindlu noba ukowuphi umbutho. Bubuxoki ingxelo ezithi silahlekise abahlali abantu ngamalungu ethu kwaye ukubanjwa kwabo kubuyisela ixesha langaphambili lengcinezelo,” utshilo uSitshwala.

La matyala kulindeleke abuyiselwe kwakuqosheliswa uphando lwamapolisa. Sithetha nje luyaqhuba ulwakhiwo lwezindlu kwindawo ekwadilizwa kuyo izindlu.

Akucaci ngubani umnini wala mhlaba nanjengoko inkosi yaseNyandeni iwubanga lo gama nomasipala ewubanga.