#FeesMustFall – gqi udushe lweeyunivesithi

LIVUKE phantsi uqhankqalazo lwabafundi kwiiyunivesithi zeli, phantsi kwentshukumo ebizwa ngokuba #FeesMustFall.

Ukuza kuthi ga ngoku, abafundi baphazamise inkqubo yobhaliso kwiiyunivesithi ezintathu. Bagrogrise ngelithi abazukuvota ukuba urhulumente akabaniki mfundo yafele-fele.

Abafundi bafuna imfundo yafele-fele, kwaye bakwafuna kupheliswe inkqubo yokuqeshwa kwabantu phantsi kweenkampani zabucala.

Konzakele oonogada abane kwakunye nabafundi kukrutha-kruthwano olwenzeke kwiYunivesithi yaseWits. Le yunivesithi yenye phakathi kwezo ubhaliso luthe lwaphazamiseka.

Ezinye yiYunivesithi yasePitoli kwakunye ne-Unisa kwakule dolophu. Nase Unisa amapolisa asebenzise iziqhushumbisi zokundulula abafundi ababevala indlela eya kule yunivesithi.

Bahlabe ikhwelo kubasebenzi ngelithi mabangenelele, begxeka ngelithi eli ziko liqeshe abasebenzi abacocayo kwakunye noonogada kwinkampani iRed Alert.

Ukanti nakwiYunivesithi yasePitoli, ubhaliso lwabafundi linqunyanyisiwe ngenxa yoqhankqalazo. Abafundi kweli ziko bathi bafuna isibonelelo samachiza. Abafundi bakhalaza ngelithi abasebenzi abacocayo bahlawulwa imali engamawaka amabini eerandi.

Ukanti ubhaliso lwabafundi eWits beliqhuba izolo, nangona uqhankqalazo lusaqhubeka.